20.1 C
King William's Town
Monday, May 12, 2025

Likhulu(100) nangaphezulu, onomyayi abafunyenwe bebiwe kude kufuphi eMonti

Iqela loluleko lwamapolisa aseMpuma Koloni lifumene onomyayi abalikhulu namashumi amane anethoba(149), ii(open view decoder) ezimbini(2), iearphone kunye namakhadi eSD amane(4) kwindawo yasePotsdam ngaphandle kwaseMonti.

Oku kusemva kokuba kuthe kwaphangwa uthotho lweevenkile ezithile kukhonjwa ngompu eQonce kutshanje. Aba barhanelwa bebeqhuba imoto yohlobo lweToyota Avanza nabathe babaleka ngayo.

Amapolisa athe akufumana ulwazi kwathunyelwa iqela lawo ePotsdam nalapho athi akjawuleze ayibona leAvanza ze bathi bakuyibona abarhanelwa babalekela ematyholweni.

Kulapho ke kuye kwabizwa Inkxaso yomoya( (air support) neye yasebenza ukunceda kugqogqo kodwa ngelishwa abarhanelwa bakwazileukusbaleka. Ixabiso eliqikelelweyo lempahla efunyenweyo limalunga ne-R170 000-00 ukanti neAvanza nayo iye yathathwa ngamapolisa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
20.1 ° C
20.1 °
20.1 °
25 %
1.8kmh
26 %
Mon
22 °
Tue
25 °
Wed
30 °
Thu
28 °
Fri
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks