Linyuke laya kutsho kwishumi (10) inani labantu abathe babhubha ngenxa yezikhukhula eMpuma Koloni.

Oku kuza emva kokuba umzimba wenenekazi eladuka kwingingqi yaseRocklands ufunyenwe emva kwemini yayizolo. Amapolisa achaze nabanye abantu abasixhenxe (7) ababhubhe kumasipala ombaxa iNelson Mandela Bay.

Ukanti kuthiwa kubhubhe abantu ababini (2) eMonti, kunjalo nje ngokwengxelo kukho umntu omnye osalahlekileyo.

Isithethi samapolisa uSandra Janse van Rensburg uthi kuvulwe iidokethi zophando kwaye ugqogqo lweNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika (SAPS) i-K9 kunye namacandelo ohlangulo ayaqhubeka ukukhangela.

By Anita Qubula.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA