Mabachith’amanzi inkukhu ibalekile oonqevu baseDutywa

Amapolisa aseDutywa abambe abarhanelwa ababini(2) kwabhubha wamnye(1) emva kokuba befunyenwe nenemoto yohlobo lweVW Polo eNgcobo izolo.

Okukubanjwa kwalamadoda kuza emva kokuba, kuphangwe indawo enguvimba wemali eshishinayo(U-Bank) kwidolophu yaseDutywa. Kutyholwa ukuba kungene amadoda amathathu(3) angaziwayo exhobile ngemipu ze, axhomisa umsebenzi ongowasetyhini bemnyanzeliswa ukuba abanike imali. Baye ke emva koko bathatha isixa-mali esingachazwang ze babaleka ngesithuthi abasixuthe emtwini kukedolophu.

Ekubalekeni kwabo, bejongise imibombo kumhlaba waseNgcobo apho baye badidana neembila zithutha, kanye xa bebanjwa emva kodubulwano oluye lwagqabhuka phakathi kwabo namapolisa.

Ngelishwa oludubulwano lukhokelele ekubhubheni komrhanelwa  omnye kulamadoda, naqikelelwa kwiminyaka engamashumi amathathu anesine(34-35)ukuya kwisihlanu ubudala. Ababini baye babanjwa kwaye kufunyenwe nemipu emibini engekhomthethweni kunye nemali leyo ibingachazwanga. Ityala lokuphanga, ukuxhwila kunye nokuba nompu ongekho mthethweni livuliwe ukuze kuqaliswe ngophando. UMkomishinala wamapolisa obambeleyo eAmathole uBrigadier Ngangema uwancomile amapolisa ngokuphendula okukhawulezileyo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
89 %
2.4kmh
60 %
Sat
28 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
15 °

EZITHANDWAYO INDABA