26.2 C
King William's Town
Tuesday, September 3, 2024

Bamalunga nama-400 abaxhamli beNSFAS abangafanelwanga bayavuma ukuyibuyisela le mali – SIU

Bangaphezu kwamakhulu amane (400) abafundi ekufunyaniswe ukuba abakulungelanga ukufumana inkxaso-mali kwiNkqubo yeSizwe yoNcedo lwezeMali yaBafundi (NSFAS) abatyikitye ukuvuma ukuba banamatyala kwiCandelo eliKhethekileyo loPhando(SIU).

I-SIU ngoLwesine umhla weshumi elinesibhozo (18) ithe ixabiso lilonke lokuvunywa kwamatyala (AoD) lifikelela kwi-R112 million.

Ngokwengxelo ye SA News I-SIU iyakholiswa sisimo sengqondo sentsebenziswano sabazali kunye nabaxhamli beNSFAS abangenaziqinisekiso abatyikitye ii-AoDs, bevuma ukuyibuyisela le mali ekuhambeni kwexesha. Ukanti iSIU ibongoza abaxhamli beNSFAS abangenaziqinisekiso abangakhange badibane neli candelo ukuba beze ngaphambili ukuze benze amalungiselelo entlawulo, utshilo uKaizer Kganyago isithethi seSIU kwiSA News.

“Ukongeza kwii-AoDs, iSIU yenze inkqubela ekubuyiseni imali ebingekabiwa kwaye iYunivesiti yaseFort Hare iyeyona yunivesithi yamva nje ukubuyisela imali ebingekabiwa eyi-R277.666,450. , 062.” oku kuzisa imbuyekezo iyonke ukuya kwi-R1,165, 887,062

UKganyako unike ucazululo lwemali efunyenweyo ukuza kuthi ga ngoku:

IKholeji yaseWest Coast – R5m;

IKholeji yaseNorthlink – R33.3m;

IYunivesithi yaseWalter Sisulu – R19.9m;

INkangala TVET – R342,672;

IYunivesithi yaseMpumalanga – R33.6m;

IYunivesithi yaseZululand – R58m;

IYunivesithi yaseFort Hare – R277.6m;

IYunivesithi yasePitoli – R400m;

iMajuba TVET College – R25m.9; kwaye

IYunivesithi yaseRhawutini – R311.8m.

Uphando lweSIU ludize ukuba iNSFAS ayiphumelelanga ekuyileni nasekuphumezeni ulawulo lokuqinisekisa ukuba kukho uxolelwaniso lonyaka phakathi kweemali ezikhutshwa kumaziko emfundo nokwabiwa kwezo mali kubafundi.

“Obu buthathaka bolawulo bukhokelele ekubeni kuhlawulwe ngokugqithisileyo kunye nokuhlawulwa ngaphantsi kweemali kumaziko ahlukeneyo kwisithuba sonyaka ka-2017 ukuza kuthi ga ngoku, kodwa inkqubo isaqhuba,” utshilo uKganyago.

Uthe icandelo, ngokwemiqathango yeProclamation R88 of 2022, ligunyaziswe ukuba liphande izityholo zorhwaphilizo kunye nolawulo olugwenxa kwimiba yeNSFAS kunye nokubuyisela nayiphi na ilahleko yemali efunyenwe ngurhulumente ngenxa yobuqhophololo nokungakhathali.

“I-SIU inegunya lokumisela isimangalo kwinkundla ephakamileyo okanye iSigqeba esiKhethekileyo egameni layo, ukulungisa nasiphi na isenzo esigwenxa esithe sabhengezwa kuphando olubini olubangelwe lurhwaphilizo, ubuqhophololo okanye ulawulo olugwenxa.”

“Ngoku hambelana noMthetho wamaYunithi oPhando aKhethekileyo nowaMatyala aKhethekileyo ongunombolo 74 ka-1996, i-SIU iyakuthi idlulisele nabuphi na ubungqina obukhomba kulwaphulo-mthetho oluthe yabutyhila kuGunyaziwe woTshutshiso weSizwe (NPA) ukuze kuthatyathwe amanye amanyathelo,” utshilo uKganyago.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
26.2 ° C
26.2 °
26.2 °
32 %
2.2kmh
98 %
Tue
24 °
Wed
25 °
Thu
14 °
Fri
15 °
Sat
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks