Ngabarhabelwa abalishumi, nabebezimisele ukumka namagama abo emva kokuphanga iMpuma Koloni.

Amapolisa esixeko seMpuma Koloni abambe abarhanelwa abalishumi emva kweyure nje ezimbalwa bephange ivenkile yamatye anqabileyo kudederhu lweevenkile iBay west Mall eGqeberha, bethatha ubucwebe obuqikelelwa kwisigidi seerandi.

Isithethi samaPolisa ephondweni, uColonel Priscilla Naidu, uthi babanjwe ngobusuku izolo cebukuhle eCradock. Uthe oku kusemva kokuba abaphandi befumene ulwazi lokuba iqela labaphangi belisiya eGauteng ngeemoto ezimbini. U Naidu uthi Iqela eliquka amalungu esipolisa iCradock Vispol, i Cookhouse Highway patrol, i-K9 kunye nenkampani yokhuseleko yabucala, babambe imisebenzi ngentsimbi!ngorhatya layizolo, Kusenjalo amapolisa amise imoto emhlophe yohlobo lweVW Polo inamadoda amahlanu kwafunyanwa nemipu emibini.

Kungekudala emva koko, kuye kwamiswa iVW Polo eMaroon, kwabanjwa abanye abahlanu abangamadoda. Amapolisa athi iCrime Intelligence eMpuma Koloni iyangqina ukuba abarhanelwa babanjiweyo bayinxalenye yeqela eliyayanyaniswa nobugebenga obuqhubeka eGauteng, eMntla Ntshona kunye nezinye izenzo zolwaphulo-mthetho eKZN.

“Abarhanelwa abalishumi bavalelwe ngezityholo zokuba nemipu engekho semthethweni kunye nokuba nezinto ekurhaneleka ukuba zibiwe. Uthe amatyala anokongezwa kamva, kwaye abarhanelwa kulindeleke ukuba bavele enkundleni kungekudala.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.1 ° C
17.1 °
17.1 °
87 %
1.2kmh
94 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA