Ngabantu abalishumi ababanjiwe naboyanyaniswa nokubulawa kwabantu ababini bomzi omnye kwilali yakuMbabalane eSajonisi ngomhla wesixhenxe kwinyanga kaApril 2023, esi sehlo senzeke phakathi kwentsimbi yeshumi ngokuhlwa kwindawo yentselo.
Iingxelo zidiza uba indoda ephakathi kweminyaka engamashumi amabini anethoba iqale ingxabano ngaphakathi kulendawo yentselo ze yahlaba yosela mfo othile ngethuba bezonwabisa ngenyembezi zikaVictoria, ukanti kulapho abahlali baye bonda ngaye bemhlasela ngeentonga de walimala wabhubha.
Kuvakala uba uMama welityendyana uthe akuva uba unyana wakhe uyahlaselwa ngabahlali wabalekela kwindawo yesehlo nalapho ebeyocelela unyana wakhe uxolo kanti kulapho ezawudibana nembila zithutha, udutyulwe waswelekela kwindawo yexhwayelo.
Amapolisa aye afika nalapho abambe abarhanelwa abalishumi ngesi senzo, nabajongene namatyala amabini okubulala. Esi senzo silandela eso sokutshiswa kubulawe amadoda amabini ngabahlali kwilali yaseBityi eMtata nge 6 April 2023.
Babanjiwe abarhanelwa abane ngesi senzo, umkomishinala wamapolisa kwiphondo uGeneral Nomthetheleli Mene uthi ezi ziganeko ziyothusa. Uthi belisebe lesipolisa bayakukhalimela ukuthathela umthetho ezandleni okwenziwa ngabahlali.
Amatyala okubulala avuliwe emapoloseni kwezi ziganeko zozibini.
(Ingxelo)
NOSIHLE MVUNDLELA

