19.2 C
King William's Town
Saturday, April 13, 2024

Oogqirha baseMpuma Koloni abangaphangeliyo babambe umngcelele ukuya eBhisho befuna umsebenzi

Oogqirha abangaphangeliyo eMpuma Koloni bebebambe umngcelele onoxolo besiya kwii-ofisi zikaRhulumente wePhondo eBhisho ngoLwesibini befuna imisebenzi ngenyanga yoKwindla, kwanokhathalelo lwezempilo olungcono kweli phondo.

Abafundi abangogqirha abenza unyaka wokugqibela kunye noogqirha abaneziqinisekiso zoqeqesho abathe bagqibezela uqeqesho lwabo ngoJanyuwari, banikezele ngeeCV zabo, kunye nememorandam yamabango ethe yamkelwa nguGqirha Mthandeki Xhamlashe.

Lo mngcelele uza emva kokuba uMphathiswa wezeMpilo uGqirha Joe Phaahla ebhengeze kwiveki ephelileyo ukuba isebe lezempilo, ngenxa yokunqongophala kohlahlo lwabiwo mali, alinakukwazi ukuphumeza izithuba ezitsha.

Umphathiswa kulindeleke ukuba athethe noogqirha abangaphangeliyo kwilizwe liphela kwaye uzakuba seMpuma Koloni ngoLwesihlanu.

Ethetha ngethuba ebambe ingxoxo-mpikiswano ngeNtetho kaMongameli engoBume beSizwe ngoLwesibini, uPhaahla uthe esinye sezisombululo kurhulumente kukujonga ukuba iSebe lezeMali lingakwazi na ukwabela imali ngokutsha ukuze kuqashwe abantu abangoochwephesha bezempilo kumaziko ezempilo karhulumente.

Uthe banethemba lokubhalisa oogqirha abatsha ngomhla woku-1 kuTshazimpuzi.

“Ngoko ke ndinovuyo ukwazisa ukuba xa sisebenzisana noMphathiswa wezeMali sinesisombululo sokukhawulelana nomngeni okhoyo koogqirha. Iinkcukacha malunga nendlela esiza kuzixhasa ngayo ezi zikhundla ziza kuphuma kwintetho yohlahlo lwabiwo-mali kaMphathiswa uGodongwana ngoLwesithathu ozayo.”

Uphinde waqinisekisa ukuba basebenzisana nombutho wezonyango i-SAMA kunye nemanyano yabasebenzi i-SAMATU ukujonga amathuba amaninzi koogqirha kuquka namaqela ahlukeneyo anikezela ngeenkonzo zempilo ezisisiseko eluntwini njengoko silungiselela ukuphunyezwa kwe-Inshurensi yezeMpilo yeSizwe, athe iza kwenza isivumelwano seenkonzo ezinjalo.

Kusenjalo, uGqirha Xhamlashe uxelele oogqirha, emva kokuba izikhalazo zabo zifundwe nguGqirha Zingisa Apleni, ukuba lo mcimbi uxhalabisa ilizwe lonke.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
19.2 ° C
19.2 °
19.2 °
43 %
3.7kmh
17 %
Sat
18 °
Sun
24 °
Mon
22 °
Tue
27 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks