By Karabo Zwane
Iqela leSerious Commercial Crime Investigation (SCCI) loKhetshe eGqeberha libambe uNatasja Slabbert (42) ngokunxulumene nezityholo zobuqhophololo beR10.5 yezigidi kumvuzo wabasebenzi (payroll) kwinkampani i-Isuzu Motors South Africa eseStruandale, eGqeberha.
USlabbert, obeqeshwe njengomlawuli wemivuzo (payroll administrator) kule nkampani, ubanjwe ngomhla we-16 kweyoMdumba 2026 emva kophando olubanzi olwenziwe nguKhetshe besebenzisana neYunithi yezoRhwebo eKhethekileyo phantsi kweGunya loTshutshiso loMzantsi Afrika (SCCU).
Eli tyala laqala ngo-2024 emva kokuba abasebenzi bevakalise inkxalabo xa beqaphela ukuba imali abayithathayo ekhaya incinci kunaleyo iboniswe kumaphepha emivuzo (payslips). Uphando lwangaphakathi lwenkampani kuthiwa lwatyhila ukungahambi kakuhle kwinkqubo yemivuzo, nto leyo eyakhokelela ekubeni umba udluliselwe kooKhetshe ukuze kuphandwe ngakumbi.
Ngokophando, kuthiwa ngoAgasti 2024 kuphela, malunga neR626 500 zathunyelwa ngokungekho mthethweni zisuka kwiakhawunti yemivuzo yenkampani zaya kwiakhawunti yobuqu yomrhanelwa. Uphando olongezelelekileyo kuthiwa lwatyhila icebo elalilungiselelwe kakuhle apho iirekhodi zemivuzo zatshintshwa kwenziwa namangenelo obuxoki ukuze kufihlwe iintlawulo ezingekho mthethweni, ziboniswe ngathi ziintlawulo ezisemthethweni okanye izibonelelo. Ilahleko iyonke kuthiwa idlula kwiR10.5 yezigidi.
Umrhanelwa uvele okokuqala kwiNkundla kaMantyi eGqeberha ngomhla we-16 kweyoMdumba 2026, apho anikwe ibheyile yeR5 000. Ityala lihlehliselwe umhla wama-24 kweyoMdumba 2026, kwaye kulindeleke ukuba avele kwiNkundla yezoRhwebo eKhethekileyo eGqeberha. INtloko yePhondo looKhetshe eMpuma Koloni, uMajor General Mboiki Obed Ngwenya, ulumkise ngelithi ubuqhophololo kwezorhwebo “abuchaphazeli inkampani kuphela, buchaphazela abasebenzi kunye noqoqosho,” esithi abo baxhaphaza izikhundla zokuthembeka baza kujongana nomthetho ngokupheleleyo.

