11.2 C
King William's Town
Monday, October 6, 2025

Owasetyhini eGqeberha utyholwa ngokuntumeka ngomlilo ibhasi kulandela ukungavisisani ngomnxeba

Amapolisa aseGqeberha akhangela umrhanelwa wasetyhini ekutyholwa ukuba utshise ibhasi kwisikhululo seebhasi iEagle Liner ngentseni yangoLwesine.

Isithethi samapolisa uKapteni Andre Beetge uthi umrhanelwa kutyholwa ukuba ukwingxabano nenkampani yebhasi ngenxa yeselula.

Uthi kutyholwa ngokuba wagrogrisa ngokuyitshisa ibhasi, phambi kokuba ayitshise.

UBeetge uthi umrhanelwa ubaleke kwindawo yexhwayelo kwaye usagcwele amathafa.

Iingxelo zithi Kugqume amafu omsi omnyama ebhasini kwaye ububonakala phezulu emoyeni phezu kweCape Road neendawo eziyingqongileyo.

UBeetge uthi ibhasi yeEagle Liner yonakale ngokupheleleyo ngelixa enye ibhasi yonakele kancinci.

Kwavulwe ityala lokutshisa kwaye ngoku amapolisa aza kugxila kuphando lwawo ekufumaneni umrhanelwa.

Akukacaci ukuba umrhanelwa usebenzise ntoni ukutshisa ibhasi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
11.2 ° C
11.2 °
11.2 °
95 %
1.8kmh
100 %
Mon
25 °
Tue
24 °
Wed
25 °
Thu
25 °
Fri
33 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks