Owayesakuba nguMphathi kaMasipala ufunyenwe enetyala lokwaphula umthetho we-MFMA.

By Asipile Kitchen.

Obesakuba nguMphathi kaMasipala wase-Enoch Mgijima eMpuma Kapa, uNokuthula Zondani ufunyaniswe enetyala yinkundla yorhwebo yaseMonti ngokuchasene ne-Municipal Financial Management Act (MFMA).

Eli tyala beliquka urhwaphilizo olubuyiselwa kunyaka ka-2019. Lo mba unxulumene nekhontrakthi yoomatshini eyayikhona ixesha elingangeenyanga ezingamashumi amathathu anesithandathu (36).

INkundla ifumanise ukuba wayiphinda kabini ithenda ukuqala kwi-R1.2 yezigidi ngenyanga ukuya kwi R2.3 yezigi ngaphandle kokulandela inkqubo efanelekileyo.

ISithethi se-Hawks sePhondo uAvela Fumba ulwamkele ulawulo lwenkundla.

“Emva kwenkqubo ende yovavanyo, inkundla iwuwisile umgwebo wayo kweyoMdumba umhla wamashumi amabini ananye (21), ifumanisa uZondani enetyala lokuchasana ne-MFMA. Ityala limiselwe umhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kweyoKwindla 2025 ukuze azogwetywa ngokusisekweni.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
27 ° C
27 °
27 °
44 %
3.5kmh
41 %
Mon
27 °
Tue
32 °
Wed
21 °
Thu
27 °
Fri
31 °

EZITHANDWAYO INDABA