IPhondo leMpuma Kapa libe ngumthombo weengxoxo zehlabathi, ukusingatha iqela lezengqesho le-G20.

By Lilitha Phenduka.

Intlanganiso eGqeberha ngokwengxelo zika rhulumente wephondo ibigxininisa ukuzibophelela kwelizwe ekuqhubeleni phambili ubulungisa bezentlalo, ukuguqulwa kwezoqoqosho, kunye nokuguqulwa kwemarike yabasebenzi ekhuthaza ukubandakanywa kunye nokomelela phambi kwemingeni yehlabathi.

INkulumbuso uLubabalo Oscar Mabuyane wamkele abathunywa bezizwe ngezizwe kwaye wagxininisa imbali etyebileyo yomzabalazo nenguqu yeli phondo, ebunjwe ngoosaziwayo behlabathi abafana noNelson Mandela kunye no-Oliver Tambo.

Umbandela oyintloko oxutyushwayo yimfuneko engxamisekileyo yokuhlangabezana nentswela-ngqesho kulutsha, njengoko izigidi zolutsha ehlabathini lonke zingakwazi ukufumana umsebenzi, imfundo okanye uqeqesho.

INkulumbuso uMabuyane, ubalule amaphulo oMzantsi Afrika kuzwelonke nakwiphondo ajolise ekuxhobiseni abantu abatsha ngezakhono ezifunekayo kuqoqosho olukhulayo oluluhlaza nolwedijithali, ebongoza imigaqo-nkqubo eyomeleleyo ebeka phambili ukudalwa kwemisebenzi, utyalo-mali kwizakhono ezilungele ikamva, kunye nenkxaso eyandisiweyo yoshishino lolutsha, intsebenziswano phakathi koorhulumente, amashishini, kunye nemibutho yoluntu ukwakha uqoqosho olubandakanyayo.

UNksz Susana Puerto Gonzalez wombutho wabasebenzi bamazwe ngamazwe kunye nombutho wentsebenziswano yoqoqosho nophuhliso uhlomle ngelithi, “IiNkqubo zemisebenzi esebenzayo inokuphucula ingqesho kunye nemivuzo yabantu abatsha ngokudibanisa uqeqesho lwezakhono zengqondo zokuqesheka, ukubonelela ngesatifikethi sokulungelelana kwemisebenzi engcono, ukuba nexesha elide leenkqubo zolutsha, ukudibanisa iintlobo zongenelelo ukujongana nemiqobo emininzi yabantu abatsha, ukuseka intsebenziswano phakathi kwamacandelo karhulumente nawabucala kwaye kuqwalaselwe imfuno yabasetyhini abasebatsha abahlelwe phantsi kweminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25).”

UNjingalwazi Ronney Ncwadi ophuma kwiDyunivesithi yaseNelson Mandela ubonakalise ukuba intswela-ngqesho isengumngeni omkhulu kuhlumo oluqukayo.

“Xa uninzi lwabemi bengaphangeli okanye bengaphangeli ngokwaneleyo, izibonelelo zoqoqosho azabiwa ngokubanzi, nto leyo ekhokelela kukungalingani kunye nemingeni ekuhlaleni,” utshilo uNcwadi.

UMphathiswa wezengqesho nezabasebenzi eMzantsi Afrika, uNomakhosazana Meth, ugxininise ukubaluleka kokujongana nale mingeni, eqaqambisa imfuneko yokuqwalaselwa komgaqo-nkqubo ukuqinisekisa ukukhula koqoqosho olubandakanyayo noluzinzileyo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
89 %
2.2kmh
100 %
Sun
17 °
Mon
23 °
Tue
24 °
Wed
32 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA