11.9 C
King William's Town
Sunday, September 8, 2024

Simanxada-nxada ngelizama ukulungisa lemiceli-mingeni: Itsho inqununu.

Baxhalabile abafundi besikolo semfundo ePhakamileyo iFort Cox Agriculture, Forestry and Training Institute (FCAFTI) kwidolophu yaseMiddledrift kweliphondo leMpuma Koloni ngenxa yeemeko ezimaxongo abaphila phantsi kwazo kweliziko-mfundo.

Phakathi kwezinye zezinto ezibaphefumlisa ngenxeba babalula umba wamanzi amdaka, abathi baqabele ngaaphaya kweminyaka emine bexhentsa ndawoninye ngelikhalazela amanzi amdaka. Abafundi bathi imeko yamanzi angacocekanga kweliziko ide yadala ukugula kwinxalenye yabafundi. Bakwatyhola ngelokuba umba wamanzi angacocekanga eFCAFTI ubangele ungcoliseko kweliziko-mfundo liphela ingakumbi kumagumbi ahlala abafundi kuquka izindlu zangasese nto leyo ebangela nokuvela kweempethu, namagumbi okuhlambela amdaka.

Ababafundi babanga ngelithi iindawo abahlala kuzo azikhuselekanga njengoko amacango engavaleki kakuhle, amanye ophukile nalapho abafundi bazifumana sele belahlekelwa zizinto zabo zexabiso, uphahla luyawa kwakunye nezibane zokukhanyisa zingulozi-lozi.

Ophuma kwibhunga elimele abafundi nongafunanga lithiwe pa-ha igama lakhe ngenjongo zokukhusela ikamva lakhe ubalule ibhokisi yombane eqhushumba ngendlela engathethekiyo kodwa esithi kude kube kalokunje akukathathwa manyathelo ngakuyo, sele kuyinto abaphila nayo.

“Enye yeengxaki esijongene nayo singabafundi abangaza bahlaliswe ngokusemthethweni, abasemagunyeni babesithembisile ukuba bonke abafundi bazakubhaliswa ngokusesikweni kodwa kude kube kaloku nje, lawo isengamabali, kwaye akukho nto ibonakalisa ukuba lenyewe izokulungiswa. Omnye womceli-mngeni esijamelene nawo yingxaki yenkxaso-mali yabafundi esiyifumanayo, ndiyakuqinisekisa ukuba sele yahlawulwa ziinkonzo ezihlawula abafundi kodwa eliziko-mfundo alikabahlawuli kunangoku abafundi” uqhube watsho lomfundi.

Kusenjalo lomfundi ukwatyhole ngelokuba isikolo sinyuse imali yentlawulo yesikolo ngaphandle kokwazisa amaqumrhu ahlawula intlawulo yabafundi nto leyo iye yakhokhelela kuqhankqalazo.

Abafundi baseFCAFTI bathi baye babhenela kuqhankqalazo emva kwexesha elide bezama ukufakana imilomo nabasemagunyeni, badlulisa iixwebhu lezikhalazo ze banesivumelwano esityikityiweyo nalapho isivumelwano sasingomhla wesithathu KuCanzibe. Ukanti batyhola ngelokuba iinzame zabo ziphanzile nanjengoko kungekho nto ilungisiweyo ngalomhla.

Abafundi bathi bazamile ukungenela uqhankqalazo kwakhona bemise ngxi intshukumo zokufunda nokufundisa esikolweni, kutyholwa ngelokuba inqununu yesikolo ithumele amapolisa ukuba ibachitha-chithe ngeembumbulu.

Kanti kudliwano ndlebe nelijelo lendaba le-EC Indaba, le nqununu yaseFCAFTI uMnu. UMkhululi Mankazana uthe bazenzile izithembiso zabo apho ngoLwesithathu umhla wesibhozo kuCanzibe bethumele amatanki amabini kwindawo ehlala abafundi, esithi ke kweminye yemiceli-mingeni egqubayo esikolweni basafakana imilomo becela amalizo ukuze bakwazi ukuvelisa imali eyaneleyo ukulungisa bonke ubugxobo obubalulwe kweliziko-mfundo, kodwa bamangxada-ngxada ukukhawulelana neezingxaki.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
11.9 ° C
11.9 °
11.9 °
82 %
1.5kmh
99 %
Sun
17 °
Mon
13 °
Tue
21 °
Wed
22 °
Thu
18 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks