UMphathiswa weSebe lezeNtlalo-Ntle yoLuntu ndawonye nomasipala waseNgqushwa bebe bambe inkqubo ezimbini kwilali uMpekweni kuledolophu ngoLwesithathu umhla wesibhozo kuCanzibe.
Inkqubo yokuqala ikhokhelwa nguSodolophu uSanga Maneli nkqubo leyo ibingeNtetho yeSikhumbuzo (Memorial Lecture) egameni lika Tata uCockson Lengs ozalwa kwilali yaseMpekweni ongomnye wamaqhawe aseNgqushwa ayesilwela inkululeko ukusukela ngo1994 ukuza kuthi ga ngoku.
Kwakhona ngalomhla, iSebe LezeNtlalo-Ntle yoLuntu (Social Development) likhokhelwa nguMphathiswa Bukiwe Fanta libambisene nomasipala kunye namanye amasebe karhulumente baqhube inkqubo yokuzisa iinkonzo kuluntu (Integrated Community Registration Outreach Programme – ICROP) kubahlali bakwa Wadi 11.
Ibeluvuyo kubantwana abangamakhwenkwe besikolo iAmazizi xa besithiwa jize ngezipho eziluhlobo lwezinto zokuthambisa baza oomama bona bathiwa jize ngengubo nguMphathiswa weSebe.