19 C
King William's Town
Saturday, October 4, 2025

U Gcaleka uthi mawakhuliswe ngokufanayo amakhwenkwe namantombazana

UMkhuseli woluntu u-Advocate Kholeka Gcaleka ukholelwa ukuba enye yeendlela zokulwa ubundlobongela obusekelwe kwisini kukuvumela ukuxhonxwa kwabantwana abangama khwenkwe beselula kwaye kupheliswe nya ukukhulisa abantwana ngendlela eyohlukeneyo ngokwesini. Ebethetha kwiNtetho yaminyaka le ethi Uyinene Mrwetyana, eMakhanda eMpuma Koloni.

Esi sifundo sesikhumbuzo sasekwa ngo-2019 kubhiyozelwa igqiyazana elaphulukana nobomi balo liselula u-Uyinene Mrwetyana, ngeenjongo zokuxhobisa abantu abatsha ukuba bakwazi ukumelana nobundlobongela obusekelwe kwisini.

Sele kuyiminyaka emihlanu wasweleka u-Uyinene Mrwetyana kodwa ilifa lakhe lisaqhubeka. Uluntu lukholelwa ukuba elilifa lisekelwe ekuqinisekiseni ukuba amakhwenkwe namantombazana adlala indima yawo ngokuchasene nesibetho sobundlobongela obusekelwe kwisini.

Isithethi esiphambili kumsitho walo nyaka, uGcaleka uhlabe ikhwelo kubazali ukuba bazimisele ngokususa iimpawu zesini nasekhaya kwaye bavumele abantwana babo baziphathe kakuhle phambi kwayo nayiphi na enye into.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
19 ° C
19 °
19 °
61 %
2.8kmh
11 %
Sat
18 °
Sun
23 °
Mon
26 °
Tue
23 °
Wed
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks