19.3 C
King William's Town
Monday, May 19, 2025

Ufumanekile umzimba wenkwenkwana emva kwezandyondyo zemvula eMpuma Koloni

Emva kwezandyondyo zemvula ezihlasele iphondo leMpuma Koloni, igqiza elijongene neentlekele kwisithili saseAlfred Nzo namapolisa, liwufumene ngempumelelo umzimba womntwana oneminyaka elishumi elinesibini ubudala orhaxwe kwilali yaseDutyini phantsi komasipala waseMzimvubu.

Esi sehlo songeza inani leengxwelerha ezibangelwe yimozulu embi, umntu omnye ubethwe ngumbane ebutsheni bemini yangeCawe.

Iimvula ezinamandla ezithe gqolo zishiye abantu abaninzi bengenamakhaya, oko kube negalelo kwimingeni eqhubekayo kulo mmandla.

Othethe egameni lomasipala wesithili iAlfred Nzo uLixolile Petela uthi: “Singaqinisekisa ukuba umntwana oneminyaka elishumi elinesibini urhaxwe ngamanzi kwilali yaseDutyini kwaWadi 8 phantsi komasipala waseMzimvubu. Sithumele ngoko nangoko inkonzo yesipolisa kunye neenkonzo zabacimi-mlilo nezohlangulo kumasipala, ngelishwa umzimba walenkwenkwana ubhaqwa sele uswelekile,.”

UPetela ubongoze ukhuphe isilumkiso phakathi kwabahlali, egxininisa imfuneko yokuhlala kude nemilambo namadama ngenxa yokuqhubeka okulindelweyo kwezikhukula kwezi ntsuku zizayo.

INkonzo yeMozulu yoMzantsi Afrika ibonelele ngoqikelelo olubonisa ukuzingisa kweemvula ezinkulu, ibongoza uluntu ukuba luhlale luphaphile kwaye luthathe amanyathelo okhuseleko ayimfuneko.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
19.3 ° C
19.3 °
19.3 °
79 %
1.1kmh
100 %
Mon
19 °
Tue
30 °
Wed
14 °
Thu
17 °
Fri
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks