15.3 C
King William's Town
Monday, November 17, 2025

UGodongwane uvakalise ukungoneliseki yinkqubo kaNSFAS

By Nyameka Lamani 

UMphathiswa wezemali u-Enoch Godongwana uthe ukuba bekusiya ngaye, ngeyivalile iNational Student Financial Aid Scheme (NSFAS) ngenxa yemicimbi yolawulo olungalunganga, urhwaphilizo, kunye nezinye iingxaki zolawulo ezilukhathazayo eli ziko.

Omnye unobangela wokunganeliseki kwakhe kukuba iNSFAS iqeshe iinkampani zabucala ezine(4) ukuba zenze umsebenzi ekufanele ukuba iwenze ngokwayo, nto leyo echaphazela kakubi ukusebenza kakuhle nokonga kwenkqubo.

Ubalule ukuba umsebenzi kaNSFAS kukuthatha imali kwisebe lemfundo ephakamileyo iyigqithisele kwiidyunivesithi.Nangona kunjalo, benze into engaqhelekanga ebizwa ngokuba yiNSFAS, apho igosa eliphethe i-ofisi(CEO) lifumana imali eninzi kunoMongameli woMzantsi Afrika.

Le ngxaki iye yaxoxwa nakwinqanaba eliphezulu kurhulumente, apho kuye kwavakaliswa ukhathazeko olufanayo malunga nokungasebenzi kakuhle kwale arhente.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
15.3 ° C
15.3 °
15.3 °
72 %
5.5kmh
21 %
Mon
15 °
Tue
26 °
Wed
21 °
Thu
26 °
Fri
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks