IANC ithi uCryil Ramaphosa uzakuligqiba ixesha lakhe alibekelweyo ukuba akhokhele

By Nyameka Lamani

Umbutho waseMzantsi Afrika, i-African National Congress (ANC) umile kwelokuba ubunkokeli bawo, kuquka uMongameli waseMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa, bazakuligqiba ixesha labo abalibekweleyo ukufika ku2027.

Oku kulandela intelekelelo yamalinge okugxotha uRamaphosa emva kwengqungquthela yeenkokheli zeG20 aseRhawutini ngomhla wamashumi amabini anambini(22) ukuya kumashumi amabini anesithathu(23)kweyeNkanga ka 2025.

Imbalelwano ivakala ijikeleza kumalungu aphezulu eANC kwiphondo leMpuma Koloni, isithi makasuswe uMongameli weANC.Ikwathi ikomiti yesigqeba sesizwe (iNational Excecutive Committee-NEC) kufuneka ichithwe kwaye endaweni yayo kufakwe igqiza lesizwe elisebenzayo, ekufuneka owayesakuba ngumongameli weANC uThabo Mbeki elikhokele.

Intetho zokuvala zikaRamaphosa kwingqungquthela ye-ANC ngoCawe bezivaliwe kumajelo eendaba, nto leyo ephembelela uluvo lokuba ufuna ukuwuphendula ngokuphandle lo mba.

UNonceba Mhlauli olibambela lesithethi seANC uxelele iSABC ukuba uRamaphosa uzakuhlala njengomongameli weANC de kube ngunyaka ka2027 njengoko bekucwangcisiwe, kwaye iANC ayixoxi kwaye ayiwaqinisekisi amarhe okuba uzakumka kungekapheli ixesha lakhe.Nanjengoko uRamaphosa, wonyulwa kweyoMnga ka-2022 kwaye ixesha lakhe liphela kweyoMnga ka-2027.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.5 ° C
20.5 °
20.5 °
83 %
0.8kmh
100 %
Fri
35 °
Sat
28 °
Sun
19 °
Mon
20 °
Tue
16 °

EZITHANDWAYO INDABA