Inkundla kaMantyi yase Kariega iwise isigwebo kumatyala amathathu obuqhetseba be Insurance.
Ngo-September kunyaka ka 2023 Amapolisa esithili sase-Nelson Mandela Bay avula uphando lwamatyala obuqhetseba anxulumene ne-inshorensi. U-Monelwa Gwani wayengomnye wabarhanelwa ababanjwe ngexesha lomsebenzi owahlukeneyo apho kwaqhutywa khona iiwaranti zokubamba abantu Kwanobuhle naseDespatch.
Abarhanelwa babefunwa kumatyala amaninzi obuqhetseba apho isizathu sokubulala sasiqhutywa kukunyoluka nokufuna inzuzo ngamabango e-Insurance abubuxoki.
UMonelwa Gweni ugwetywe kumatyala amathathu obuqhetseba nxamnye noSanlam, uHollard kunye noMomentum. Emva kokunikezelwa ngokupheleleyo kobungqina phambi kwenkundla kamantyi yesithili saseKariega, ummangalelwa ugwetywe kwaye wafunyanwa enetyala kumatyala amathathu obuqhetseba apho wafaka amabango ngobuqhetseba.
Isigwebo sakhe siwiswe ngolu hlobo lulandelayo:
Ityala 1: Ubuqhetseba iminyaka emi-5 entolongweni
Ityala 2: Ubuqhetseba iminyaka emi-5 entolongweni
Ityala 3: Ubuqhetseba iminyaka emi-5 entolongweni
Ezi zigwebo ziya kuqhubeka ngaxeshanye.
Igosa elibambeleyo lesithili saseNelson Mandela Bay uBrig L Ngalo uthe “Ukugwetywa kwakutshanje ngobuqhetseba be-Insurance kusebenza njengenyathelo elibalulekileyo ekuqinisekiseni ubulungisa. Ezi zenzo zolwaphulo-mthetho azipheleli nje ekuphazamiseni ingqibelelo yoshishino lwe-insurance kodwa zikwabeka umthwalo wemali ongafanelekanga kwabo abathobela umthetho. Olu tshutshiso luqhube ngempumelelo luthumela umyalezo ocacileyo nochukumisayo wokuba ukuziphatha ngobuqhetseba akuyi kunyanyezelwa. Lukwa mi njengomzekelo obalulekileyo kubaphuli-mthetho, ukuba ingalo yomthetho iyafikelela naphi na, kwaye abo bazama ukuxhaphaza le nkqubo baya kujongana neziphumo ezibi” ugqibezele watsho uBrig Ngalo.

