16 C
King William's Town
Sunday, October 13, 2024

Ujongene netyala lokudlwengula umtyholwa owabulala uUyinene Mrwetyana.

Indoda eyabanjwa ngokubulala u-Uyinene Mrwetyana ijongene netyala elitsha lokuzama udlwengula elinye inina.

Indoda ekukholelwa ukuba yadlwengula yaze yabulala umfundi weDyunivesithi yaseKapa (UCT) u-Uyinene Mrwetyana ngonyaka ka-2019 ivele kwinkundla yamatyala eWynberg namhlanje ngetyala lokuzama ukudlwengula.

ULuyanda Botha usolwa ngokuzama ukudlwengula owasetyhini owayefundela ukuba nguMhlengikazi ngelixa ekwigumbi lokuhlamba umzimba kumagumbi eKholeji yaseAthlone.

Inkundla yamatyala ibibize amangqina amabini ukuzongqina namhlanje.

UBotha lo wavulelwa ityala lokuzama ukudlwengula ngonyaka ka-2014.

Ingqina likarhulumente uSiphamandla Zibekile, uxelele inkundla ukuba ngonyaka ka-2014  wayefunda kwikholeji yabongikazi eNtshona Koloni e-Athlone, kwaye uyamazi owasetyhini otyhola ukuba uBotha wazama ukumdlwengula. Ummangali ukwafunde kule kholeji kwaye ehlala kwindawo enye yokuhlalisa abafundi.

Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso u-Eric Ntabazalila uthe ummangali wavula ityala lokuzama ukudlwengula ngeyeSilimela ka-2014.

“Umbuso utyhola ukuba uBotha watyelela owasetyhini kweli ziko lemfundo wafumana ixhoba lihlamba umzimba ngelo xesha. Wazama ukumdlwengula kodwa lazilwela elibhinqa. Emveni koko kwavulwa ityala lokuzama ukudlwengula waze wabanjwa uBotha,” utshilo uNtabazalila.

Ngexesha lokubuzwa imibuzo, inkundla ive ukuba uZibekile wayebuyela egumbini lakhe lokulala esuka ukuyothenga ukutya evenkilen ehamba nomhlabo wakhe. Badlula kwibhuloko yommangali apho beva isikhalo somntu.

“Sambone esiza kuthi ebaleka ebhinqe itawuli emhlophe, sabuza ukuba kwenzeke ntoni wathi uvingcelwe ngumntu ngethuba ehlamba umzimba,” utshilo uZibekile.

Esithi lo mntu ufuna ukumdlwengula.

Xa bengena kwishawari abazange bamfumane umrhanelwa kwaye bagqiba ekubeni bajonge imifanekiso yevidiyo kwigumbi lokulawula ukhuseleko.

UZibekile uthi ummangali wabaxelela ukuba kukho umntu ongene egumbini lakhe kwaye akakhumbuli ukuba kwenzeke ntoni ngaphambili nasemva koko ngenxa yomothuko.

Kwangoko ngoLwesihlanu, uSajini Oscar Dada, ophuma kwicandelo lamapolisa elijongene nobundlobongela kusapho, ukukhuselwa kwabantwana, nophando lwamatyala ezesondo eNyanga, ungqinile ukuba wayengumphandi wetyala lika-2014 elacinywayo kuluhlu ngenxa yokungabikho kommangali.

Ngaphandle kokubizwa kommangali ze akaphumelela enkundleni kuzanywa ukuphandwa izizathu zokungaveli kwakhe, ityala laye larhoxiswa. Laphinda lavulwa emva kokuba uBotha, umsebenzi waseposini, efumene izigwebo zobomi ezintathu ngenxa yolwaphulo-mthetho lokubulala uMrwetyana. U-Dada uthe ummangali wayenovakalelo kwaye esothukile xa wayenika ingxelo yakhe yokuqala kodwa akazange aqaphele nto ingaqhelekanga.

Wafumanisa ngo-2019, kwiminyaka emine emva koko, ukuba wabonana nogqirha kusuku olulandela eso sehlo, nto leyo eyabangela ukuba umtshutshisi woMbuso uXolani Ncobo abuze oku kulibaziseka kolwazi.

Ityala liza kuqhubeka ngoLwesihlanu ozayo.

 

By Ongeziwe Ntondini.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
16 ° C
16 °
16 °
93 %
3.1kmh
15 %
Sun
31 °
Mon
18 °
Tue
18 °
Wed
31 °
Thu
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks