Amapolisa aseGqeberha athi isiganeko sokudubulana eSchauderville ngoLwesithathu apho kungxwelerheke indoda enye, asinxulumananga nolonyulo.
Oku kulandela ingxelo yangaphambili yokuba esi siganeko senzeke kwisikhululo sokuvota.
Isithethi samapolisa, uColonel Priscilla Naidu, uthe amapolisa ebelandelela emva kwengxelo yokudutyulwa kwezithonga zemipu ngobusuku bangoLwesibini ngethuba bedibana nomrhanelwa kwisitalato iLawler ohambelana nenkcazo.
Uthi umrhanelwa uye wabaleka emva kokubona amapolisa, kwaye ngethuba ebaleqa ngeenyawo, umrhanelwa uye wadubula kwipolisa ebelimleqa.
UNaidu uthi eli polisa libuyise imbumbulu, ze wenzakala umrhanelwa. Uthe amapolisa asebenzise iimbumbulu zerabha kunye neziqhushumbisi ukusasaza isihlwele esiye sangalawuleki. Umntu obhubhileyo uchongwe njengoKurtley Gawie oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) ubudala.
Ngaxesha nye, kwesinye isiganeko esixeliweyo e-Schauderville ngoLwesithathu, amapolisa athi u-Evandre Petrus oneminyaka engamashumi amabini anethoba (29) ubudala, ubulewe emva kokuba yena nomhlobo wakhe behlaselwe ngumlilo ngamalungu eqela lemigulukudu elirhanelekayo kwiikona zendlela iFitchardt kunye neStandford.
UNaidu uthe esi sehlo senzeke ngentsimbi yesibhozo kusasa. Wathi umhlobo kaPetrus wabaleka engenawo nomkrwelo.
“Esi siganeko sinxulumene nemigulukudu kwaye ayihambelani nolonyulo,” utshilo uNaidu.
Uthe umrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27) ubudala emva koko wavalelwa ngetyala lokubulala kunye nokuzama ukubulala.
By Anita Qubula.

