UKUKHUTSHWA KWEZINYO KWAJIKA KWABA LIPHUPHA ELIBI KOWASETYHINI EJEFFERY’S BAY

UKUKHUTSHWA KWEZINYO NGOKUQHELEKILEYO KWAJIKA KWABA LIPHUPHA ELIBI KOWASETYHINI EJEFFERY’S BAY

Ngu-Luviwe Pinda

Owasetyhini oneminyaka engamashumi amane anesibhozo wedolophu yase-Jeffery’s Bay, ucela uncedo ekufumaneni ubulungisa ngakwiziko lezeMpilo, emva kwezityholo zokuba kungenxa yotyando lwezinyo olugqwethekileyo. UThobeka Jantjies washiyeka ekhubazekile kwaye engasakwazi ukuzihambela emva kuba wathi wakhutshwa izinyo kwisibhedlele sase -Cecilia Makiwane eMdantsane ngomhla weshumi elinesihlanu kweyeDwarha ngonyaka ka2002.

Kudliwano ndlebe abenalo nejelo losasazo i-SABC, uJantjies uthe wafika esibhedlele ezihambela, engaguli, ngaphandle kwezinyo eliqaqambayo, kodwa emveni kotyando olwalwenziwe ngugqirha, wafa umzimba.

Oku kwalandelwa lidabi lezomthetho elithathe ixesha elide phakathi kukaJantjies kunye neSebe lezeMpilo leMpuma Koloni. Umyeni wakhe owafaka ibango, wasweleka ngonyaka ka2017. Eli sebe lathi lamnika umvuzo wamakhulu amahlanu amawaka eerandi ngezizathu zobuntu, kodwa wasikhaba eso sicelo. Kwiminyaka engaphezu kwamashumi amabini kamva, uthe lo mbandela awukafiki eNkundleni.

“Ndishiyeke ndedwa nabantwana bam kwelityala. Ndinqwenela nje kule demokrasi intsha ukufumana ubulungisa, kwaye ityala lam lixoxwe phambi kweNkundla. Ndinganeliseka, nokuba andiphumelelanga. Ityala lam bekufanelwe lichotshelwe ngo-2008, kodwa larhoxiswa”, utshilo uJantjies.

Phambi kwesi sehlo, uJantjies wathengisa iziqhamo nemifuno ukuze ondle usapho lwakhe. Ngenxa yemeko yakhe yangoku, uthembele kunyana wakhe oneminyaka engamashumi amabini anesine ubudala kunye nommelwane kunonophelo lwemihla ngemihla.

“Umama uphelela kule bhedi imini yonke. Kungakuhle ukuba angafumana isitulo esinamavili esihambayo, khon’ukuze akwazi ukuphuma ngaphandle afumane umoya, nokuya ezivenkileni”, utshilo ummelwane wakhe, uNoxolo Dayimani.

Isithethi sesebe lezeMpilo ephondweni, uYolanda Dekeda, uthe baqhube uphando lwangaphakathi, kwaye abafumananga bungqina bugwenxa bokwenza kwicala labo, “Isebe lisungule uphando lwangaphakathi lwezonyango, emva kokuba isigulana singenise ngokusemthethweni ibango, ekutyholwa ukuba kukungakhathali kwezonyango. Lo mba waphinda waqhutywa libhunga labasebenzi bezempilo eMzantsi Afrika (Health Profession Council of South Africa), kolu phando omabini, ayizange ifumane nto inxulumene nokukhubazeka kwakhe ekukhutshweni kwezinyo. Lo mba waphinda wasiwa kwiNkundla ephakamileyo yaseBhisho ngo-2006, nalapho amagqwetha akhe arhoxa kweli tyala emva kokubona ukuba ityala alinasihlahla.”

Ingxelo eyaqulunqwa yi HPCSA, yabonisa okokuba iingxelo zonyango ezinikwe ugqirha oqulunqe le ngxelo aziphelelanga, azihambelani nembali yonyango eyanikwa ngumyeni kaJantjies.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
34 ° C
34 °
34 °
33 %
3.2kmh
53 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA