18.2 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

Ukuvalwa kwendlela zezithuthi zabafundi baseMpuma Koloni akukho mthethweni.

Isebe lezothutho eMpuma Koloni lithi abaqhubi bezithuthi zabafundi mabavule ngokupheleleyo iindlela, okucetyiweyo kweli phondo namhlanje akukho mthethweni, oku kwenzeke ngomhla wesibini kuCanzibe 2024.

Kutyholwa ngokuba isenzo sabasebenzi sisukela kukungahlawulwa koonoteksi lisebe lezothutho.

Isithethi seli sebe, u-Unathi Binqose uthi unobangela woluqhankqalazo kukungahlawulwa ngenxa yeempazamo zobuchwephesha kunye nokwala kwabasebenzi ukutyikitya izivumelwano.

UBinqose uthi intlawulo elandelayo yezigidi ezintlanu zeerandi (R5 million) izakwenziwa ngomso.

UBhinqose uphefumle ngelithi, urhulumente wePhondo leMpuma Koloni kunye neSebe lezoThutho kweliPondo bamemelela abo bakhuthaza ukuvalwa ngokupheleleyo indlela ukuba baphinde bajongisise isigqibo sabo. Ukwathe ifuthe loluqhankqalazo lizakuchaphazela abantu abadala kunye nababuthathaka abaza kuphuma besiya kuthatha imali yesibonelelo sikarhulumente, singasathethi ke ngoogxa babo abaxhomekeke kwirenki yeeteksi xa behamba mihla le ukuze bakwazi ukuziphilisa. Iphondo liza kuqinisekisa iibhutsi phantsi kwayo nayiphi na into eyenzekayo.

Anita Qubula

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
47 %
4.1kmh
7 %
Wed
21 °
Thu
13 °
Fri
13 °
Sat
18 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks