By Anita Qubula
UMnini fama uReinhardt Steyn, otyholwa ngokuxhwila, ukubetha kunye nokubulala abantu ababini abarhanelwa ukuba bangamasela emfuyo kulindeleke ukuba aqhubeleke nokufaka isicelo sebheyile kwinkundla kamantyi yaseMiddelburg namhlanje.
UMnini-fama kunye nabasebenzi bakhe abathathu babanjwa kweyeThupha emva kokuba amapolisa efumene amathambo ekukholelwa ukuba ngawomadoda amabini kwindlela u-R575, eMiddelburg.
Omnye wabatyholwa kweli tyala, ongummi waseMalawi, uyilahlile ibheyile njengoko efunyenwe enetyala lokwaphula umthetho wokundwendwela kwabantu abavela kwamanye amazwe kwiiveki ezimbini ezidlulileyo yiNkundla kaMantyi yaseGroblersdal eLimpopo.