UMalume wexhoba wesiganeko sokubulawa kwendyikhityha yaseLusikisiki uxolile, uthi ukhululekile emveni kokuba umrhanelwa elahle isicelo sebheyile.

Usilahlile isicelo sakhe sebheyile umrhanelwa ovalelwe ngengqawule kwisiganeko sokudutyulwa kwabantu abalishumi elinesibhozo eLusikisiki, eMpuma Kapa.

USiphosoxolo Myekethe (45) uvele kwinkundla kamantyi yaseLusikisiki ngoLwesibini 15 kweyeDwarha, apho ebevela okwesibini kulandela ukubanjwa kwakhe ekwikhaya lakhe eMthimde, eLusikisiki kwiveki ephelileyo. UMyekethe, obengaphandle ngengqawule, unamatyala amabini awayebanjelwe wona ngaphambili: elokubaleka elugcinweni lwasemthethweni nokubulala.

Ngoku ujongene namatyala alishumi elinesibhozo (18) okubulala kunye nelokuba nompu ongenampepha-mvume, ingakumbi i-AK-47.

Oku kubanjwa kwakhe kulandela isiganeko esimasikizi sokudubulana okwenzeke kwinyanga ephelileyo kwimizi emibini eselumelwaneni kwilali yaseNgobozana, nalapho uninzi lwamaxhoba ibingamakhosikazi. Unobangela wokubulawa kwabantu awukacaci.

UMyekethe uvele enkundleni izolo ebusweni ezisithe ngesigqubuthelo sobuso esimnyama namhlophe. Ngaphandle, igquba labahlali baseLusikisiki belidibene beqhankqalazela ukuba angayinikwa ibheyile.

Igqwetha likaMyekethe lixelele inkundla ukuba umxhasi wakhe uthathe isigqibo sokusichitha isicelo sebheyile. Esi sigqibo silandela umqondiso wakhe wangaphambili wokuba uza kufaka isicelo sebheyile kwaye amelwe ligqwetha lombuso.

Ethetha noonondaba ngaphandle kwenkundla, uDavid King, utatomncinci kaRuth King oneminyaka engamashumi amabini ananye (21), nongomnye wamaxhoba ale ndyikityha yokufa, uvakalise ukukhululeka kwakhe kuba uMyekethe esilahlile isicelo sakhe sebheyile. Nangona kunjalo, uvakalise inkxalabo yakhe ngokulibaziseka kokwenziwa kovavanyo kumphu othathwe kwixhoba.

Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso eMpuma Koloni uLuxolo Tyali ungqinile ukuba akukho sizathu sinikiweyo ngesigqibo sikaMyekethe sokuyilahla ibheyile. UTyali wongeze ngelithi, kumatyala aphakamileyo, iqhelekile into yokuba abarhanelwa bayilahle ibheyile ekuqaleni, baphinde bafake izicelo xa umdla woluntu uphela.

“Siyaluqinisekisa uluntu ukuba, nokuba kuyenzeka oko, siza kuyichasa ibheyile,” utshilo uTyali.

Ityala lihlehliselwe umhla wamashumi amabini anesithandathu (26) kuNovemba ka-2024 ukuze kuqhutyekwe nophando, ukubanjwa kwabarhanelwa abongezelelekileyo kunye nokulinda iziphumo zovavanyo olungekagqitywa lompu ofunenyenwe kumrhanelwa..

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA