11.9 C
King William's Town
Friday, October 3, 2025

Umama wabantwana abahlanu ulwa nesifo esingaqondakaliyo emva kokukhupha amazinyo

UPumla Thabalaza oneminyaka engamashumi amathathu anesine (34) ubudala waseLambasi eLusikisiki, ucela uncedo lwezonyango olukhawulezileyo ngenxa yesifo esingaziwayo esimshiye ebugxwayibeni. Ubunzima bempilo kaThabalaza baqala ngo-2019 emva kokuba inkqubo yesiqhelo yokukhuupha amazinyo ihambe kakubi, nto leyo eyakhokelela kwiingxaki ezinzima.

Ngokutsho kukamama wabantwana abahlanu, wayephila kakuhle emva kokuba ekhutshwe izinyo nje, kodwa emva kweeveki ezithile umlomo wakhe wadumba kakhulu.

UThabalaza ubalise ngohambo lwakhe eveza into ebekufanele ukuba kukukhupha izinyo nje kuphela sele ijike yaba liphupha elibi.

Kwiiveki emva kolu tyando, ubanga ngelokuba waphawula ukuba umlomo wakhe udumbile, imeko yayisiya isiba mandundu ngokuhamba kwexesha. Nangona efuna uncedo kumaziko ezempilo asekuhlaleni, kwaye kutyholwa ukuba uthenjiswe ngolunye unyango eKapa, uThabalaza usalindele isisombululo.

“Emva kokuba ndibonile ukuba imeko yam iya isiba mandundu mihla le, ndiye ndaya kwikliniki yasekuhlaleni eyandithumela kwisibhedlele sasekuhlaleni. Ukusuka apho ndathunyelwa kwesinye isibhedlele apho ndandithenjiswe ukuba ndizakuthunyelwa eKapa, kunyaka ophelileyo. Ndisalinde umnxeba kodwa kude kube namhlanje kuthulekile. Ndide ndayojonga kunyaka ophelileyo, kodwa kwathiwa mandilinde umnxeba,” utshilo uThabalaza.

Impembelelo yemeko yakhe ibe nzulu, ichaphazela amandla akhe okwenza imisebenzi esisiseko kwaye ibangele uxinzelelo olukhulu.

“Ngoku ndinyanzelwa ukuba ndisebenzise isandla sam ekutyeni endaweni yokusebenzisa icephe, kwaye kunzima nokuphefumla,” ucacise watsho.

Le meko iphinde yaluthwaxa usapho lwakhe, nalapho uThabalaza evakalisa ukuzimisela kwakhe ukuphila ngenxa yabantwana bakhe abancinci.

Umyeni wakhe, uNkosiyaphi, naye uvakalise uluvo lwakhe, egxininisa uxinezeleko lweemvakalelo olunyamezelwa lusapho.

“Imeko yomfazi wam iyandophula intliziyo,” watsho, eqinisekisa inkxaso yakhe engagungqiyo phezu kwayo nje imingeni.

Isithethi sikaMphathiswa weSebe lezeMpilo uMkhululi Ndamase uthe usalindele ingxelo evela koogqirha ababandakanyeka kukhathalelo lukaThabalaza.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
11.9 ° C
11.9 °
11.9 °
81 %
5.9kmh
65 %
Fri
12 °
Sat
31 °
Sun
24 °
Mon
26 °
Tue
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks