ICandelo loPhando loLwaphulo-mthetho oluPhambili, nelaziwa njengeeHawks, lithi le ndoda ineminyaka engamashumi amane anesixhenxe (47) ubudala, ibivele okokuqala kwinkundla kamantyi yaseMonti ngoLwesine.
“Ubanjwe ngethuba ebezimase omnye umcimbi kwinkundla kaMdantsane,” sicacise satsho isithethi sooKhetshe kulammandla uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana.
Oku kubanjwa kuvela kwisiganeko apho ummi wangaphandle waxhwilwa ngoNovembha umhla weshumi elinesixhenxe (17) ku2023 ngabarhanelwa abahlanu abaxhobileyo abangaziwayo.
“Kutyholwa ukuba umrhanelwa wabetha ixhoba ngethuba lisemotweni yalo kwiyadi yokugcina impahla. Bamkhomba ngompu bamnyanzela ukuba aqhube isithuthi sakhe esathi kamva safunyanwa sishiywe.”
Abarhanelwa kutyholwa ukuba bafuna amakhadi ebhanki kunye neenombolo zepin zexhoba.
OoKhetshe bathi kamva ixhoba lakhululwa ngabaqweqwedisi balo.
Uphando ludize ukuba ngumqeshwa wexhoba, isalamane kunye nabanye ababini ababecwangcise ukuxhwila ixhoba. Igama labatyholwa nguMlandeli Gwadiso (43), nosisizalwane sexhoba, unogada wexhoba, uBonginkosi Gwadiso (25), Mxolisi Mapoyi (35) Asemahle Mahashe (32), noSandisile Sithonga (32), ababanjwa phakathi kweyeNkanga ukuya kweyoMnga ngo2023. .
Umrhanelwa kutyholwa ukuba uye wasebenzisa imali yexhoba kwiivenkile ezahlukeneyo ngokuthenga imali efikelela kwi-R300,000. Ityala limiselwe umhla wesihlanu kwinkundla kamantyi eMonti ukuze kuqhutyekwe nophando kunye nothethwano.
By Anita Qubula