UNobhala Jikelele weqela lamaKomanisi laseMzantsi Afrika (SACP) uSolly Mapaila uthi umbutho woMkhonto weSizwe (MK) kunye ne-Economic Freedom Fighters (EFF) ayisosisongelo kurhulumente womanyano lwesizwe.
Iintetho zikaMapaila ziza ngethuba iSACP igxeka kabukhali iAfrican National Congress (ANC) ngokulala ngengub’enye neDemocratic Alliance (DA) kurhulumente womanyano lwesizwe.
I-SACP ikholelwa ekubeni i-ANC bekufanele ukuba ibambisene ne-EFF kunye neqela elitsha le-MK. UMapaila ebethetha eFreedom Park ngoLwesithathu umhla wamashumi amabini anesine (24) kweyeKhala kwingxoxo yoSuku lweMandela.
UMapaile uthi kutheni iANC iboyika nje? Kwaye kutheni, i-ANC ifuna ukulinganisa i-EFF kunye ne-MK Party kwi-DA. Esithi nosihlalo weANC kuzwelonke uGwede Mantashe ngembeko uthi hayi, iMK Party kunye neEFF baphuma kwiANC, kwaye baziintshaba zeANC njengakwiDA. Uthi bubuvuvu bantoni obu? Evala ngelithi yipolitiki embi kwaye yintlupheko yezopolitiko.

