UMasipala waseMbhashe unike inkxaso koopokoletyeni balammandla.

Izolo umhla wesine (04) kweyeKwindla 2025, uMasipala waseMbhashe unikezele ngokusesikweni ngezixhobo zokuloba iintlanzi kubalobi abangokopolotyeni bakuGatyana, abavela kwiwadi ezimbini, iwadi 21 kunye nowadi 29.

Abalobi abaxhamlileyo baquka abasetyhini abalishumi elinesine kunye namadoda angamashumi amabini.

Injongo yokunikezelwa kwezizixhobo kukulwa indlala kunye nentswelangqesho elithwaxa kanobom eli lizwe.

UCeba uNomvuyiseko Mgedezi okwiPotifoliyo eyiNtloko kwiCala lwesiCwangciso soPhuhliso kuloMasipala, ngethuba enikezela ngezizixhobo uthethe wathi kuluvuyo kubo bengurhulumente xa bekwazi ukufikelela kwizidingo zoluntu nanjengoko zikumqulu wesicwangciso se-IDP, kuba yiyo enikezela ngokhomba ndlela.

“Sinemincili kakhulu sileliSebe xa abantu abatsha bethatha inxaxheba kurhulumento” utshilo uCeba Mgedezi.

Abahlali beziwadi babonakalise uvuyo nochulumanco kwaye bebulela kumasipala ngokujongana ngqo neemfuno zabo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA