By Sophumelela Singqoto
UMboniso bhanyabhanya waseMzantsi Afrika ukwinqanaba eliphambili njengoko “IQueenstown Kings” ityunjwe kwiiMbasa ze-Africa Movie Academy zowama-2024 (AMAA).
Lo mboniso weKings of Queenstown ukhokelwa nguJahmil XT Qubeka, lo mboniso bhanyabhanya ukhuphisanayo kumacandelo aphambili, ubonisa italente ekhulayo yoMzantsi Afrika kushishino lwemiboniso bhanyabhanya yaseAfrika.
Ushicilelo lwamashumi amabini (20) lwe-AMAAs luya kuqhubeka ngomhla wesibini (02) Novemba 2024, kwiZiko laseBalmoral e-Ikeja, eNigeria, phantsi komxholo othi ‘Ukubhiyozela uBuchule baseAfrika.’
Awona macandelo aphambili abonisa ukuchongwa koMdlali oBalaseleyo kwindima eKhokelayo (uZolisa Xaluva), uMdlali oBalaseleyo oxhasayo (uEnhle Mbali Mlotshwa noTessa Twala), kunye nomdlali oBalaseleyo oxhasayo (uSandile Mahlangu).
IMpumelelo yobugcisa efana noYilo lweMveliso, uYilo lweSinxibo, iSandi nazo zifumene ukuqondwa.
Phambi komsitho wamabhaso, i-AMAA Coffee Book Launch icwangciselwe umhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kweyeDwarha, kubhiyozelwa iminyaka engamashumi amabini (20) yeMbasa ye-Africa Movie Academy.
I-Africa Night of Legends iza kuba ngomhla wokuqala (01) kweyeNkanga, nto leyo eza kuwonga abantu abenze igalelo elibalulekileyo kumboniso bhanya-bhanya waseAfrika.
Ezinye iifilimu ezifana ne-“Below The Hanging Tree”, “Weekend”, kunye ne-“This is Lagos” nayo ikhusele ukutyunjwa okuphindaphindiweyo, okwenza ukhuphiswano lube lukhuni.
Nalu uluhlu olupheleleyo lwe “The Queenstown Kings” kulonyulo:
-Ifilimu egqwesileyo
-Oyena Mlawuli ubalaseleyo – Jahmil XT Qubeka
-Impumelelo kwiCinematography
-Impumelelo kuYilo lweMveliso
-Impumelelo kuYilo lweSinxibo
-Impumelelo kwi-Soundtrack
-Impumelelo kwiSandi
-Impumelelo kwiScreenplay
-Umdlali oBalaseleyo kwindima eKhokelayo – Zolixa Xaluva
-Oyena mdlali ubalaseleyo kwindima exhasayo – Enhle Mbali Mlotshwa, Tessa Twala
-Oyena mdlali ubalaseleyo kwindima exhasayo – Sandile Mahlangu
-Ifilimu eBalaseleyo kuLwimi lwaseAfrika
-Impumelelo kuHlelo
Umsitho we-AMAA ka-2024 umiselwe ukubhiyozela eyona miboniso bhanyabhanya yase-Afrika.