By Buhle Nomgalasa.
UMongameli unikwe kude kube ngoMvulo ukuba afake amaphepha okuphendula kumngeni weqela loMkhonto weSizwe (MK) malunga nokuchongwa kwebambela likamphathiswa wamapolisa.
Lo mbutho uzaya kwiNkundla yoMgaqo-siseko ngokukhawuleza ukuba isigqibo sikamongameli uCyril Ramaphosa siguqulwe.
Ekuqaleni kweyeKhala, uRamaphosa ubeke uMphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu kwikhefu elikhethekileyo kulandela izityholo ezenziwe nguMkomishinala wamaPolisa KwaZulu-Natal uNhlanhla Mkhwanazi.
UMkhwanazi uthi uMchunu uyayanyaniswa nabantu abaphambili kwizityholo zolwaphulo-mthetho eGauteng.
Ungquzulwano lukamongameli lulindelekile kwiNkundla yoMgaqo-siseko, apho umbutho weMK kunye nenkokeli uJacob Zuma ityala elichasene noRamaphosa liza kuchotshelwa.
Umbutho weMK ufuna ukusitshitshisa isigqibo sikaRamaphosa sokubeka uMchunu kwikhefu elikhethekileyo. Lo mbutho ufuna ukuba lo mba uchotshelwe ngokukhawuleza nanjengoko ukuchongwa koBambela Mphathiswa wamaPolisa uFiroz Cachalia kuqalisa ukusebenza ngoLwesihlanu.
URamaphosa unikwe de kube yintsimbi yesibini emva kwemini ukuba afake amaphepha okuphendula phambi kwenkundla yangoLwesithathu. Umbutho weMK ufuna ukuba kuthathwe isigqibo sokunqumamisa uMchunu kwaye kunyulwe uCachalia, kwakunye nokusekwa kwekomishoni yezomthetho ephanda ngezityholo zikaMkhwanazi, zonke ezichazwe njengezingekho ngqiqweni kwaye azihambelani noMgaqo-siseko.

