By Asemahle Mbete.
ISebe lezeMpilo eMpuma Koloni kwisiBhedlele saseFrere libambisene neSmile Foundation limeme amajelo eendaba kwindibano yokuphawula ukuqala kweveki yabo yotyando olukhethekileyo ngeenjongo zokulungisa ubomi babantwana abachatshazelwa kukuqhekeka inkalakahla, ukutsha nezinye iimeko abazalwa nazo. Oku kwenzeke ngomhla wamashumi amabini anesibini (22) kweyeKhala 2025.
Isiseko soncumo sikunyaka waso wamashumi amabini anesihlanu (25), ngelo xesha baye benza utyando ngempumelelo olungaphaya kwamawaka amahlanu anamakhulu amahlanu (5500) bezisa uncumo kubantu abaninzi kwilizwe lonke. ISmile Foundation isebenze kuzwelonke kwizibhedlele zemfundo ezilishumi elinesihlanu (15). Intsebenziswano yabo yenza amalungiselelo okubandakanya wokuba yiOccupational Therapist, psychologist, speech therapist kunye nezinye izakhiwo zenkxaso ukunceda kwinkqubo.
Umnxibelelanisi ovela kwiSmile Foundation, uNksz Tanya Jackson wongeze wathi:
“ISmile Foundation igxile ekujonganeni nemvelaphi yezonyango kwinkqubo yokhathalelo lwezempilo. Thina sibonelele ngongenelelo lokuzisa oogqirha botyando kwizibhedlele ezisweleyo kwaye bezokunceda izigulane hayi nje ngokucandeka kwimilebe nenkalakahla kodwa ezinokutsha, ukukhubazeka kobuso kunye nabantwana abafuna utyando lwempumlo, iliso kunye nendlebe.”
“UGqirha Van der Walt, intloko yotyando lweplastiki, uthe:
“Sigxile kwimilebe ecandekileyo kunye nenkalakahla kule veki, kwaye malunga nezigulane ezilishumelinesine (14) zibhukishwe. Utyando ngalunye luthatha malunga neeyure ezimbini nesiqingatha ukuya kwezintathu. Sikwanceda amaxhoba ambalwa atshileyo anekhontrakthi kunye neminye imiba. Olu lutyando oluntsonkothileyo, kodwa siqhubela phambili kwaye yinzame yeqela elivela kuye wonke umntu kwisibhedlele saseFrere.”
Owayesakuba yingqonyela yesibhedlele saseFrere ngoku oyintloko yesebe lezempilo eMpuma Koloni uGqirha Rolene Wagner uthi eli phulo libetha uluvo, nanjengoko efumene ubunzima bokuba nomntwana okhe wathwaxwa zezi meko. Ngoko ke, uyakuxabisa kwaye uyakuqonda ukubaluleka kwale ntsebenziswano.
UGqirha Wagner uthi le ntsebenziswano ingumzekelo onokuthi uphunyezwe xa amacandelo oluntu kunye namacandelo angenzi nzuzo edibana ngekhosi ehloniphekileyo.
Njengoko uGqirha Van der Walt etshilo, amanyathelo afana nala awakho nje malunga nokuguqula ubomi babantwana abanemilebe ecandekileyo kunye nenkalakahla, kodwa malunga nokusasaza ububele kunye novelwano kwiintsapho kunye noluntu. Kuyavuyisa ukubona abantu behlanganisana ukwenza umahluko wokwenene kubomi babo bawufuna kakhulu. Le veki yotyando ekhethekileyo isibonisa ukuba oku kuyimfuneko kwaye kuyaphilisa, kunika nethemba.”
ISmile Foundation kunye nesebe lezempilo lempuma Koloni bayasiqaphela esi sifundo njengesibeka uncumo, ikamva eliqaqambileyo, ukomeleza ukuzithemba kunye nesiqabu kwiintlungu kubantwana nakwiintsapho ezininzi.

