UKhanyile Ntetho oyintombazana eseze ngobuso elizweni kutyholwa ukuba udutyulwe wabhubha ngumqeqeshi wakhe oyindoda webhola yomnyazi eMonti ngomhla weshumi elinesithathu kuTshazimpuzi ka-2024.
Le ntombazana kuthiwa emveni kokuba iqela lakhe liphumelele umdlalo wabo baye bayobhiyoza nomhlobo wakhe kunye nomqeqeshi. Ngosuku olulandelayo, usapho lwabanexhala njengoko uKhanyile engabuyanga ekhaya, kwaye umnxeba wakhe ucinyiwe.
Kuthe emveni kwenzame zokumfuna emnxebeni nakwizihlobo, usapho lwaya kwindlu yomqeqeshi apho bebebhiyozela khona ukuyoqonda ukuba uphi na uKhanyile, kodwa abakhange bamfumane.
Ngosuku lwangomhla weshumi elinesihlanu kuTshazimpuzi, usapho lwafumana ingxelo yokuba uKhanyile udutyulwe wabhubha ngumqeqeshi wakhe nabahlobo bakhe ababini emva kokuba engazange avume ukulala nabo.
Umrhanelwa kuthiwa wayolahla umzimba kaKhanyile phambi kwamasango esibhedlele esikufutshane nalapho afunyenwe khona.
Umrhanelwa ubalekile kwaye akukabikho mntu ubanjiweyo.
Usapho lwakwa Ntetho luthi lubuhlungu ngenxa yokuphulukana nomphefumlo omhle kangaka kwaye intliziyo zabo zingxunguphele.
Intatheli yeJelo lendaba iEC Indaba ayiphumelelanga ekufumaneni ingxelo kwisithethi samapolisa eMpuma Koloni ngemo yophando.
Siyakholwa Vuso.