27.7 C
King William's Town
Sunday, February 9, 2025

UMEC SIPHOKAZI LUSITHI UZOKUNIKEZELELA NGEZINDLU EZINTSHA KWAZAKHELE

UMphathiswa wezokuHlaliswa koLuntu eMpuma Koloni, uSiphokazi Lusithi, ngoLwesibini umhla we-9 kuCanzibe ngowama-2023, uzakunikezela ngokusesikweni izindlu ezingamashumi amathathu anesihlanu ezisanda kwakhiwa kubaxhamli kuMasipala oMbhaxa weNelson Mandela Bay. Abahlali baKwaZakhele baxhamle kungenelelo lukarhulumente lokunceda ukuguqula iimeko zokuhlala zeentsapho ezihlelelekileyo kunye nezo zihlala ematyotyombeni eziquka abantu abadala kunye namakhaya aphethwe ngabantwana kumasipala ombaxa.

IProjekthi yeZindlu ezingamashumi amane anethoba iRaymond Mhlaba inezindlu ezingamashhumi amane anethoba zeendleko eziphantsi ekujoliswe kuzo ekuboneleleni ngezindlu ezisemgangathweni kubahlali baseRaymond Mhlaba Kwazakhele ngexabiso le-R7.2 yezigidi zizonke. Le projekthi iyinxalenye yeNkqubo yeZindlu yeNelson Mandela Municipality kwaye ichongwe njengenye yeeprojekthi eziphambili kwiMetro. Uninzi lwabaxhamli luphuma kwiindawo ezahlukeneyo eziquka iSoweto-on-Sea kunye neKwazakhele ezingqongileyo. Sele kukho izindlu ezingama-35 ezigqityiweyo ezilungele ukunikezelwa.

Umakhulu oneminyaka engama-82 ubudala, uPhilda Vaaltyn, ngomnye wabaxhamli abamiselwe ukufumana ikhaya labo elitsha ngolu suku. Kungoku nje uVaaltyn uhlala etyotyombeni nonyana wakhe ohlala nengxaki yokuthetha. Usapho luxhomekeke kwinkamnkam.

ISebe lokuHlaliswa koLuntu lijonge ukwakha izindlu eziyi-1411 e-NMBM kulo nyaka-mali umiyo, ngohlahlo lwabiwo-mali oluzizigidi ezingama-R215.

Amalungu osasazo ayamenywa kunikezelo oluza kubanjwa ngolu hlobo lulandelayo:
UMHLA: LWESIBINI, 9 MEYI 2023
INDAWO: 69282 BUYAMBO STREET, KWAZAKHELE
IXESHA: 10H00
Ikhutshwe lisebe lokuhlaliswa koluntu eMpuma Koloni.
Imibuzo:
UMnu Siyabonga Mdodi-iSithethi soMphathiswa
Iselula: 083 358 8070

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
27.7 ° C
27.7 °
27.7 °
41 %
3.5kmh
11 %
Sun
25 °
Mon
18 °
Tue
26 °
Wed
37 °
Thu
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks