20.2 C
King William's Town
Wednesday, March 26, 2025

Umkhohlisi waseMonti uyalelwe ukuba ahlawule uSARS kwakhona ngezavenge zenyanga

Umlawuli wenkampani yaseMonti owaqhatha uSARS kuza kufuneka akhuphe imali engaphaya kwamashumi amabini anesibini amawaka eerandi ngenyanga ukuze ahlawule le mali.

Isithethi sooKhetshe uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana uthi uPhumla Gwanya oneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo (38) kunye nenkampani yakhe iSiyaduma Trading bagwetywe kwinkundla yenqila yaseMonti ngoLwesihlanu.

Uthi phakathi kuka-2014 no-2017, uGwanya wafaka amaxwebhu obuqhophololo kwiimbuyekezo zeVAT ezingama-201 egameni lenkampani yakhe, echaza ukuba akukho ngeniso.

UGwanya ubanga ngelithi ebengashishini ngelo xesha kodwa ebebonelele ngeenkonzo koomasipala abaninzi eMpuma Koloni.

Wagwetywa iminyaka emihlanu entolongweni ngokuthe ngqo, yaxhonywa iminyaka emithathu.

Uphando luqinisekise ukuba u-SARS akanamkhethe kwimali engaphaya kwama-R600 000.

UGwanya wayalelwa ukuba abuyisele le mali kwaSARS ngezavenge zenyanga ezingama-R22 506.61

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
20.2 ° C
20.2 °
20.2 °
48 %
3.4kmh
0 %
Wed
25 °
Thu
23 °
Fri
25 °
Sat
29 °
Sun
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks