By Esona Magawana.
UMkomishinala wamaPolisa kuZwelonke, uNjengele Fannie Masemola, uthe uMongameli Cyril Ramaphosa uyayazi into yokuba uMphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu wayalela ukuba kuchithwe iQela elijongene nokuBulawa kwabezoPolitiko.
Enikela ubungqina phambi kweKomishoni kaMadlanga ePitoli ngoMvulo, umhla wamashumi amabini (22) kweyoMsintsi 2025, uMasemola ungqinile ukuba uye wabhenela kuRamaphosa njengokuphela kwendlela yakhe emva kokuba uMchunu eyalele ukuba lichithwe iqela elijongene nokubulawa kwabezoPolitiki (PKTT), elasekwa ngenjongo yokulwa ukubulawa kwabantu okubangelwa yipolitiki ingakumbi eKZN.
“Ndithethile nomongameli,” utshilo uMasemola efunga. “UMongameli udibene nomphathiswa, kodwa andizange ndinikwe mpendulo. Andizange ndilandelele. Andikwazanga ukusa umphathiswa wam enkundleni. Kwakungekho enye indlela.”
UMasemola ucacisile ukuba nangona engalichithanga ngokusesikweni eli qela, waqala walungiselela izindululo malunga nendlela elichithwe ngayo eliqela. Ngokutsho kwekomishoni, eso senzo sabonisa ukuba uyawamkela umyalelo womphathiswa.
UMasemola ugxininise ukuba aqhubekile nokuhlaziya amagunya asebenzayo e-PKTT, kwaye akukho neleta isesikweni yokuchitha iqela eyakha yatyikitywa. Ikomishoni ibalule ukuba iingxelo zikaMasemola zibonise ukuba usamkele isigqibo ngokomgaqo.
Esi sityhilelo siphakamisa imibuzo ebalulekileyo malunga nokungenelela kwezopolitiko kwimisebenzi yamapolisa, kunye nokuba ingaba izigqibo zesigqeba zijongela phantsi na umlo ochasene nolwaphulo-mthetho oluphenjelelwa yipolitiki eMzantsi Afrika.
Kusenjalo, ungqinile ukuba uMkomishinala wamaPolisa eKZN uLieutenant-General Nhlanhla Mkhwanazi uwuxelile lo mba kwiKomiti yeSebe lezamaPolisa.

