UMkomishinala wamaPolisa ukugxeka kakhulu ukubulawa kabuhlungu kwabantu baseBityi.

Umkomishinala wephondo leMpuma Koloni uLt. General Nomthetheleli Mene usigxeka kabukhali isiganeko sokubulawa kwabantu abane eBityi ngoMgqibelo umhla weshumi elinesine kweyoMsintsi 2024.

Iinkcukacha ezifunyenwe ngamapolisa zityhola ukuba abantu ababini ababhubhileyo batyholwa ngokukrwitshwa de babhubha. Oku kwenzeke kwiziganeko ezahlukeneyo kwindawo yaseQolweni kude kufuphi naseMthatha.

Kwisiganeko sokuqala esixeliweyo, ulwazi luveze ukuba ummelwane wexhoba waya endlwini yexhoba ngentseni ngethuba ebona amadoda amabini etsiba ngefestile ebaleka. Uthe ekufikeni kwakhe wafika ucango luvulwe kancinci. Wangena ngaphakathi, wabona umzimba wommelwane wakhe uthe dundululu phantsi. Wakhawuleza kwangoko walumkisa abahlali, abathi baleqisa la madoda mabini.

Emva kwexesha elingayanga phi, la madoda mabini ekurhaneleka ukuba abonwa ebaleka kwindawo yexhwayelo, kwafunyanwa izidumbu zawo kwidlelo kwiLokishi yaseLukhwethu eBityi. La maxhoba afunyanwa enomonzakalo ongamandla emizimbeni yabo.

Kwesinye isiganeko, indoda enamashumi amane eminyaka ubudala ifunyenwe ibhubhele ngaphakathi endlini yayo inamanxeba amaninzi kumzimba ongaphezulu kunye nentambo yombane entanyeni.

Amapolisa avule amatyala amathathu okubulala, kwaye elinye kuwo linamatyala amabini okubulala.

Umkomishinala wephondo uLt. General Nomthetheleli Mene uthe kuyakhathaza kakhulu ukufunda ngezi zenzo zolwaphulo-mthetho ezisube imiphefumlo emine kwingingqi yaseBityi. I-SAPS iyabugxeka ubulungisa obenzwe ngabahlali ngakubarhanlewa kwaye bayayiqwalasela imeko apho abahlali bethathele umthetho ezandleni.

“Sikhuthaza abahlali ukuba baxele nasiphi na isenzo solwaphulo-mthetho kwabasemagunyeni okanye basebenzise imibutho yasekuhlaleni efana neForam yamaPolisa oLuntu (CPF).”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.5 ° C
17.5 °
17.5 °
92 %
2kmh
97 %
Sun
20 °
Mon
21 °
Tue
22 °
Wed
30 °
Thu
24 °

EZITHANDWAYO INDABA