Umkomishinala we-IEC uNomsa Masuku unikezele ngebheyile yamawaka angamashumi amabini eerandi.
Owayesakuba nguMkomishinala we-IEC nokwaligosa le-IEC ubanjwe ngoLwesihlanu ngezityholo zobuqhetseba obubandakanya i-R1.2 yezigidi zeerandi (1.2 million).
UGqr Nomsa Masuku oneminyaka angamashumi amathandathu anesibini (62) ubudala, nosebenze njengoMkomishinala ngo-2018 ebefudula engumsebenzi weStandard Bank, ephathiswe ukulawula iCorporate Social Investment Programme (CSI) “Adopt A School Trust”.
Isithethi sooKhetshe kuzwelonke uColonel Katlego Mogale uthi ngophando olunzulu baye bafumanisa ukuba uGqr Masuku uqhayise ngenkqubo yentembeko ngokunikezela ngenkxaso-mali yokufunda kubahlobo nakumalungu osapho esebenzisa amaxwebhu akhohlisayo nangaphandle kwemvume yeKomiti.
Uthi kwakhona kwafunyaniswa ukuba enye yale mali yafakwa ngqo kwiakhawunti yakhe yebhanki yaya kutsho kwi-R1.2 yezigidi.
I-“Adopt A School Trust” yasekwa ngenjongo yokubonelela ngenkxaso-mali yokufunda, iibhasari namabhaso okufunda, ukufikelela kubafundi abasuka kwizikolo ezamkelwe yi-Standard Bank.
UColonel Mogale uthi ukuze uphumelele kufuneka ufezekise imilinganiselo ethile ukuze uqhubele phambili nezifundo zakho kulo naliphi na iziko elaziwayo lemfundo ephakamileyo.
UGqr Masuku ubevele kwinkundla yamatyala yoLwaphulo-mthetho oluKhethekileyo lwaseRhawutini ngoLwesihlanu nalapho akhululwe ngebheyile ye-R20 000.
Lo mcimbi uhlehliselwe umhla wesine kuSeptemba ka-2024.
Ngokutsho kwewebhusayithi ye-IEC, uGqr Masuku waqala umsebenzi wakhe wolawulo lonyulo ngo-1998 kwaye phambi kokuba aqeshwe, wayeliSekela leGosa eliyiNtloko loNyulo elijongene neNkcazo.
UGqr Masuku unePhD kwiApplied English Linguistics kwiYunivesithi yaseBirmingham, e-UK.
Umsebenzi wakhe kwi-IEC wanqumama iminyaka esixhenxe apho ebesebenza eStandard Bank
By Anita Qubula.