UMkomishinala wesithili wamkele ukuvalelwa komrhanelwa othathela umthetho ezandleni eGqeberha.

By Asipile Kitchen.

UMkomishinala weSithili sase-Nelson Mandela Bay uMajor General Vuyisile Ncata ubaqhwabele izandla abacuphi ne-National Prosecution Authority ngentsebeziswano yabo ekuqinisekiseni ukuba umrhanelwa obandakanyeka ekuthatheleni umthetho ezandleni uziswe kubulungisa ngoLwesibini 08 kuTshazimpuzi 2025.

Ngomhla weshumi (10) kuCanzibe 2023, malunga nemizuzu engamashumi amahlanu emva kwentsimbi yeshumi elinesibini (12:50), uSibusiso Demisi (30) wathathwa ekhayeni lakhe e-Sibriets Road, eMissionvale, liqela lamalungu oluntu. Etyholwa ngokubusela.

UDemisi wahlaselwa kwaye uluntu lwasebenzisa ivili ukumtshisa. Ngexesha lophando umrhanelwa wachongwa kwaye wabanjwa.

NgoLwesibini, 08 kuTshazimpuzi 2025, uBonile Stofile (55) ugwetywe iminyaka elishumi elinesihlanu eNkundleni yamatyala yaseGqeberha malunga nokubulawa kukaSibusiso Demisi.

Ngelixa encoma uDetective Warrant Officer Khowa malunga nomsebenzi wakhe, umkomishinala wesithili, uMajor General Vuyisile Ncata, uyasigweba nasiphi na isenzo sokuthathela umthetho ezandleni eluntwini, njengoko ineziphumo zolwaphulo-mthetho kwabo banoxanduva.

Ubongoze uluntu ukuba lubenomonde ngophando, nanjengoko kukho izinto ekufuneka zithathelwe ingqalelo.

“I-SAPS unabacuphi abakwazi ukusebenza imini nobusuku, bangashiyi litye lingaguqulwanga ukuqinisekisa ukuba abenzi bobubi bayabanjwa,” uqukumbele watsho.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
24.7 ° C
24.7 °
24.7 °
71 %
2.8kmh
76 %
Sat
24 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA