Ekugqibeleni uMongameli Cyril Ramaphosa utyikitye uMthetho osaYilwayo we-Inshurensi yezeMpilo yeSizwe (i-NHI) ukuba ube ngumthetho kwiZakhiwo zoMdibaniso ePitoli.
UMthetho osaYilwayo we-NHI uza kutshintsha inkqubo yokhathalelo lwempilo yaseMzantsi Afrika kwaye uqinisekise ukuba wonke umntu uyafikeleleka.
URamaphosa uthi umceli mngeni wokuphunyezwa koMthetho osaYilwayo we-NHI ayizongxowa-mali koko kukungabiwa kakuhle kwezibonelelo ezixhasa icandelo labucala.
“Asiphambani, asingomaxoki, sihambelana kakhulu nokwenzeka kuluntu lwehlabathi. Owona mceli mngeni ekuphumezeni i-NHI ayixhomekekanga ekunqongopheleni kwenkxaso-mali kodwa kukwabiwa ngendlela engeyiyo kweendlela zoncedo ezixhasa icandelo lezempilo labucala ngoku kuxakekisa iimfuno zempilo yoluntu, kulapho ingxaki ikhoyo.”
URamaphosa wongeza ngelithi ukuphunyezwa koMthetho weNHI kuza kuba ngezigaba. Esithi thi abo bafuna ukugcina inyhweba yabo bahamba ngendlela engeyiyo.

