12.5 C
King William's Town
Saturday, September 7, 2024

Umphathiswa uNqatha ufunge wamunc’intupha esithi bazakuthi gqolo nokulwa ulwaphulo-thetho

Umphathiswa wesebe lezoThutho noKhuseleko loLuntu eMpuma Koloni uXolile Nqatha ukhuphe isilumkiso esiqatha ngokuchasene neendawo ezithengisa utywala ezithe gqolo ukutyeshela imigaqo yoMthetho woTywala kunye neMithetho kaMasipala yephondo.

Oku kusemva kokuba amapolisa kumasipala ombaxa weBuffalo City eqhube uqhankqalazo oluyimpumelelo kwimpelaveki ende kulo mmandla ze akhupha izohlwayo kwiindawo ezintathu ezithengisa utywala ngokurhweba ngaphaya kweeyure zokurhweba ngokwemigaqo yomthetho kamasipala wokurhweba ngotywala kumasipala waseBuffalo City. Iivenkile ezintathu yiBuccaneers J534 D4696335 (R2,000), Davidos J534 D4696336 (2,000) kunye neZooming Lounge J534 D469633 (2000).

Amapolisa aphinde abamba umanejala weziko lotywala lasekuhlaleni ngezityholo zokunyoba ipolisa ukuze limnike imvume yokusebenza ngaphaya kweeyure ezimiselweyo nanjengoko ebefuna ukwenza itheko lokuzalwa ubusuku bonke. Ipolisa alizange limonwabise umrhanelwa kwaye lamthumela kwiBhodi yoTywala eMpuma Koloni ngesicelo sakhe. Nangona kunjalo, umrhanelwa ushiye imvulophu emdaka kwiofisi yepolisa athe yimali ye-airtime, kodwa ipolisa alizange livume ukonakaliswa ngumrhanelwa. Emva koko, amapolisa ambamba umrhanelwa, kwaye ityala lokunyoba lavulwa kwisikhululo samaPolisa saseFleet Street.

UMphathiswa uNqatha ulincomile igosa lamapolisa ngentembeko nokuthembeka kwiNkonzo yesiPolisa. UMphathiswa uthe: “Njengoko singena kwinkqubo yohlaziyo ejonge ukubuyisela intembeko yoluntu kumaziko karhulumente, siyalincoma eli polisa ngokwala ukungcolisa uphawu labakwasidlodlo nokuma siluchase urhwaphilizo.”

Kusenjalo ngoMvulo umhla weshumi elinesibini (12) kweyeThupha, amaPolisa aphinde abe nomsebenzi eCalifornia ngokukodwa kurhwebo olungekho mthethweni. Ukanti amashumi amabini anesibini (22) abemi bamazwe angaphandle bathatyathelwe ukuqinisekiswa ngeemphephapha-mvume zokuba kweli. Isixhenxe (7) siye saqinisekiswa saza sakhululwa, logama abalishumi elinesihlanu (15) bevalelwe kwisikhululo samapolisa eMonti ngokophula umthetho we Immigration Act. Ngexesha lolu phulo, amapolisa aphinde ahlola indawo zokulungisa iimoto ezintandathu(6), iivenkile ezine (4) zespaza kunye ne-B&B enye. Umrhanelwa omnye uye wabanjwa ngokuba nesakana elincinci le-tik.

Umphathiswa uNqatha ufunge wamunc’intupha, ebhambathisa ukuba iphulo lokuthintela ulwaphulo-mthetho lizakuqhuba nanjengoko liza kusasazeka kwiphondo liphela.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.5 ° C
12.5 °
12.5 °
82 %
1.2kmh
97 %
Sat
12 °
Sun
17 °
Mon
13 °
Tue
21 °
Wed
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks