UMphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu uhlabe ukhwelo lokulwa ulwaphulo-mthetho, eMthatha.

Umphathiswa uSenzo Mchunu ukuqinisekisile ukuzinikela kukarhulumente okungagungqiyo ekubuyiseleni umthetho nocwangco kuluntu oluchaphazelekayo.

UMphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu, udibene noSodolophu womasipala waseOR Tambo uNgqondwana, uluntu, kunye neenkokheli zephondo ngeenjongo zokukhawulelana nokwanda kolwaphulo-mthetho, ubuqhetseba kunye nobundlobongela kulo mmandla. Oku kwenzeke ngomhla weshumi elinesihlanu (15) kweyeThupha 2024.

USodolophu uNgqondwana kulendibano uye wabalula iziganeko ezimanyumnyezi apho izihange zifuna imali yokhuseleko koosomashishini nakubantu abadala, ecaleni kokukhula kweenkxalabo zodushe lwemipu, ubundlobongela obusekelwe kwisini (gender-based violence) (GBV), nezinye iindlela zokuxhatshazwa. Uye wagxininisa imfuneko engxamisekileyo yentsebenziswano eyomeleleyo phakathi kwenkqubo yezobulungisa kunye noluntu ukuze kupheliswe ezi zenzo zikhohlakeleyo.

Inkulumbuso yephondo uLubabalo Oscar Mabuyane naye uvakalise ukuxhalaba kukaSodolophu, ekwabulela ukwanda kolwaphulo-mthetho kwizithili zonke zephondo. Uqinisekise ukuba urhulumente wephondo usebenza ngenkuthalo ekuphuhliseni nasekuphumezeni amacebo asebenzayo okulwa nokuthintela ubugebenga.

Umphathiswa uSenzo Mchunu ukuqinisekisile ukuzinikela kukarhulumente okungagungqiyo ekubuyiseleni umthetho nocwangco kuluntu oluchaphazelekayo. Ukukhawulelana nokukhula kweenkxalabo zolwaphulo-mthetho kwiSithili sase-OR Tambo, iSebe leSizwe liza kuthumela amapolisa ongezelelweyo, iQela lokuPhendula ngoBuchule, kunye neYunithi yezobuNtlola yeSizwe eMthatha. La manyathelo ajolise ekuqinisekiseni ukhuseleko loluntu kunye nokubuyisela umoya wokhuseleko eluntwini.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.3 ° C
17.3 °
17.3 °
98 %
0.7kmh
100 %
Mon
17 °
Tue
17 °
Wed
19 °
Thu
14 °
Fri
18 °

EZITHANDWAYO INDABA