INkulumbuso yephondo leMpuma Koloni, uLubabalo Mabuyane, wamkelE wonke umntu okwinkqubo yeSebe lezeKhaya eNqadu eWillowvalle, namhlanje.
Umphathiswa wesebe lezekhaya uGqirha Aaron Motsoaledi namhlanje undwendwele uKumkani uAhlangene Sigcawu eNqadu Great Place. Injongo yolu tyelelo kukunxibelelana nabathathi-nxaxheba abaphambili kwimiba emalunga nokufudukela kuMasipala weNgingqi waseMbhashe.
UMphathiswa kwakunye neNkulumbuso yeMpuma Koloni, uOscar Mabuyane kunye noSodolophu uSamkelo Janda nabo bebezimase njengenxalenye yolu tyelelo, uMphathiswa uMotsoaledi unikezele ngee-ofisi ezilishumi elinesithandathu (16) ezintsha eziya kuthi zincedisane neenkonzo zesebe ingakumbi emaphandleni eMpuma Koloni.
Inkulumbuso iphefumle ngelithi, uyazingca ngokubonelelwa ngezi ofisi ezihambahambayo kwaye eyona nto imenza azingce ngakumbi kukuba zenziwe kwiPhondo leMpuma Koloni.
By Anita Qubula

