USharon Anelisiwe Ngxoki, nokwabizwa ngokuba nguChef-Shaz, ebesenza amaza hayi ekhitshini kuphela kodwa nakwishishini lokupheka. Njengomseki kunye ne-CEO ye-IZIKO-LAM, uhambo lwakhe olusuka kumpheki oqeqeshiweyo ukuya kumrhwebi ophumeleleyo luyinto yokubabazwa.
Wathweswa isidanga kwikhampasi edumileyo iHurst ePaarl ngo-2018, uSharon waqalisa umsebenzi wakhe kwiHotele iRadisson Red eKapa. Nangona kunjalo, yayingumoya wakhe woshishino owamkhokelela ekubeni aze kwicala lokupheka.
“Xa kwakufika iCovid-19 kwaye uninzi lwemisebenzi yachaphazeleka, kwafuneka ndifumane indlela yokuziphilisa,” ucacise watsho uSharon. “Kulapho ndaqala khona ukuthengisa ukutya kwesintu kwaseMzantsi Afrika okufana nomngqusho, umleqwa kunye nolusu.
Esandisa imenyu yakhe ukuba ibandakanye izinto ezithandwayo njengeGatsby’s kunye nee-Milkshakes, uSharon kungekudala wazifumanisa elungiselela izikolo ezikwingingqi yakhe. Ukuthanda kwakhe ukupheka, kudityaniswe nobuchule bakhe boshishino, kwabeka isiseko sempumelelo ye-IZIKO-LAM.
Eyona nto eyenza iinkonzo zakhe zokutya zahluke kwezinye zaloo ndawo kukuba ubeka phambili ukusebenzisa izithako zalapha ekhaya.
“Izithako zalapha ekhaya eMzantsi Afrika aziqinisekisi kuphela ukutsha kunye nencasa, kodwa zikwaxhasa amafama asekhaya kwaye zonyusa uqoqosho.”
Ukususela kwimitshato ukuya kwimingcwabo, ukuya kwimicimbi yangasese, IZIKO-LAM lithatha uluhlu olubanzi lweziganeko. Enye yezinto ezikhumbulekayo zikaSharon kukulungiselela umsitho womtshato wesiZulu eThekwini.
“Elo yayilithuba elimangalisayo lokufunda ngenye inkcubeko nokufumana imfudumalo nentlonelo elolo hlobo,” ukhumbule oku.
Ukugcina imigangatho ephezulu ngundoqo kuSharon, “Ndimamela abathengi bam, ndiyababulela ngeempendulo zabo, kwaye ndihlala ndikhuthaza,” utshilo. “Kwaye ndisebenzisa kuphela izithako ezifanelekileyo zeemveliso ezicocekileyo.”
Kakade ke, ukuba ngusomashishini kuza nemingeni yako. Iiyure ezinde, ukunqongophala kwezixhobo, kunye nokuhlawulwa kade ngabathengi yimiqobo eqhelekileyo. Kodwa ndiyanyamezela kuba ndiyakholelwa kwinto endiyenzayo.”
Ukujonga phambili, uSharon unezicwangciso ezinkulu ze-IZIKO-LAM Catering.
“Kwiminyaka embalwa ezayo, ndinethemba lokuvula indawo yokutyela elokishini nokudala amathuba emisebenzi kwabo bangasebenziyo,” utsho njalo. “Kwaye ngenye imini, ndiphupha ngokuqala isikolo lam sokupheka.”
Ngengxelo eqaqambileyo evela kubathengi bakhe, uhambo lukaSharon lokupheka luqale nje. “Izincomo endizifumanayo azikholeleki,” utsho encumile. “Kwaye konke ndikubulela kwinkxaso yoluntu lwam kunye nothando endinalo ngento endiyenzayo.”

