UMsitho weAfroSoul Gospel uzise uvuyo kwiBala iBuffalo City.

By Asemhale Mbete.

IBala iBuffalo City belizaliswe luvuyo nogcobo ngethuba umsitho we-AfroSoul Meets Gospel udibanise abantu bazokonwabela umculo, ukudumisa noMbulelo phantsi kwemozulu ebintle kakhulu eMpuma Koloni.

Abantu beze ngobuninzi, banxibe iimpahla ezimhlope, becula bechwayitile. Umxube womculo weAfroSoul noweGospel wenze indawo yanomoya wothando, uvuyo nokuzola.

Umfanekiso: IMvumi uZukoSA kumsitho iAfroSoul Gospel.

Umbhexeshi womsitho, uKuhle Monoametsi, uthe uvuyiswe kukuba izinto zihambe kakuhle.

“Lo msitho ubonisa indlela umculo weAfrosoul neGospile udibanisa ngayo abantu. Kumnandi ukubona ukuba abantu bayayixhasa imisitho efana nalena kwaye siyayivuyela lonto imnandi kakhulu,” utshilo.

Abaculi abaninzi abadumileyo bebekhona kulo msitho, kuquka uVusi Nova, Nathi Mankayi, Ikhona, Zuko SA, Ziyanda Tshangana, kunye noBetusile Mcinga.

Umfanekiso: Abaxhasi nabalandeli bomsitho weAfroSoul Gospel kwiBala iBuffalo City, eMonti.

Zuko SA, ongumculi nothe wathatha inxaxheba eqongeni, uthe:

“Ndifikile ndiyokwenza uvavanyo lomculi, abantu sele bekhona, kwangelo xesha baye babonisa uthando olungumangaliso. Ndithathe imifanekiso nabalandeli phambi kokuba ndinyuke eqongeni kwaye bebelindele ngolangazelelo ukuwuva umculo wam. Lo nto indonwabise kakhulu ukwamkeleka kulo msitho. Enkosi kakhulu kuMnu. Groovie Christ ngokundimema kulo msitho. Abantu bebebetha izandla, bememelela kwaye bexhasa kakhulu, bekumnandi nyhani. Ndiyacinga ukuba uMnu. Groovie Christ angaphinda alungise omnye umsitho, kwaye abantu bangeza ngobunitsi.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
20.3 ° C
20.3 °
20.3 °
64 %
2kmh
82 %
Sun
24 °
Mon
23 °
Tue
23 °
Wed
31 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA