Usekela nobhala jikelele we-EFF, uLeigh-Ann Mathys, nokwasebenza kwikomiti yethutyana ephanda ngamabango orhwaphilizo,uvulele uCedrick Nkabinde oyintloko yabasebenzi kumphathiswa wamapolisa uSenzo Mchunu ityala lokuxoka ephantsi kwesifungo izolo, ngoLwesine, umhla weshumi elinesithathu(13) kweyeNkanya ka 2025.
I-EFF ityhola ngelithi uMnumzana uNkabinde wanika ubungqina obungeyonyani kwikomiti yethutyana nto leyo ekhokhele ekubeni le komiti imiswe.
kutyholwa ukuba wenza ubumenemene bokungenisa iingxelo efungelweyo(affidavit) “eqikelelweyo,”(thumb-sucked)engeyonyani kwikomiti yethutyana yepalamente,ngokuxoka ngobudlelwane bakhe nosomashishini uBrown Mokgotsi, ukubandakanyeka kwakhe kwimiba ephantsi kophando kwikomiti, kunye nangosuku lokwenzeka kweziganeko ezithile.Kubungqina wathi inombolo kaMogotsi wayifumana ngeyeNkanga ka-2024, ngelixa ubungqina obuphambi kwekomiti buthi wayifumana ngeyoMsintsi.
Ngoku kuzakufuneka abuyele kule komiti kwiintsuku ezilishumi(10) ukuze aqhubele phambili nokuxoxwa kwetyala emva kokuba amalungu ePalamente evumile ukuba angaqhubeki nokumamela ubungqina bakhe, emtyhola ngokuxoka phantsi kwesifungo.

