UMongameli wase Argentina uJavier Milei ngokulandela kwizihlangu zika Trump akazubakho kwingqungquthela yeNkokheli ye G20 ezakube izimaswe apha eMzantsi Afrika.

By Nyameka Lamani

Isithethi sika mongameli waseArgentina uthe izolo ngomhla weshumi elinesibini(12) kweyeNkanga ka 2025,uJavier Milei ongumongameli wakhona akazukuyizimasa ingqungquthela ye-G20 elapha eMzantsi Afrika ekupheleni kwale nyanga.

UBuenos Aires akazange achaze izizathu zokungabikho kukamongameli, kodwa uMilei wavakalisa ngokuphindaphindiweyo ukuhambiselana ne-United States kunye noMongameli uDonald Trump.

UTrump uthe kwiveki ephelileyo akazukuzimasa ingqungquthela okanye athumele nawaphi na amagosa kuyo.

Umongameli wase-US ubalule amabango abubuxoki abhengeziweyo okuba amaBhulu amhlophe “abulawa axhelwe” eMzantsi Afrika njengesizathu sokungazi kwindibano yamazwe angamashumi amabini(20) aphezulu kwezoqoqosho.

UMilei uza kuthumela umphathiswa wezangaphandle(Foreign Minister)uPablo Quirno endaweni yakhe kwingqungquthela yeeNkokeli ze-G20.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA