By Sophumelela Singqota
Owayesakuba nguManejala wesixeko sase-Ekurhuleni, uGqirha Imogen Mashazi, umise amanyathelo oluleko ngakwibambela elimisiweyo le-EMPD uBrig, uJulius Mkhwanazi, emva kweeveki wayalela ukuba amagosa amabini ayemkhusela anyuselwe umrholo ubeyi-R600 000.
Oku kudizwe ngowayesakuba yintloko yeHR Ekurhuleni uXolani Nciza kwikomishini kaMadlanga ngoLwesithathu ePitoli. Ngokutsho kukaNciza, umvuzo wenzelwe uLinda Gasheka kunye noMmeli uKemi Behari, kuba bethembekile kwaye beyilandela imigaqo. Uye waqinisekisa ukuba ibingekokungqamana kwezinto.
“Amatyala oluleko ayeka ngomhla wamashumi amabini keyeSilimela. Kwiiveki ezimbini, emva koko kwavela ingxelo ecebisa ukuba kunyuselwe uGasheka no Behari imali engange R600 000,” utshilo.
“Loo ngxelo yayingenasiseko. Babesephantsi kovavanyo, malunga neenyanga ezine nje beqheshiwe.”
Oku kwenzeka ngo-2023 phakathi kwenyanga yeKwindla nenyanga yeKhala. UNciza uchaze oku kunyuswa kwemivuzo “njengomqondiso wombulelo” osuka ku Mashazi oya kwabo “balandela imiyalelo yakhe.”
“Ndingacebisa okanye ndithethe kuphela, kodwa ndiyabulela, nihambelane nemiyalelo kunye nemigaqo, yilento ndiyifunayo njengo mphathi wesixeko”.
“Umntu wam akachukunyiswa, kwaye uqinisekise ukuba umntu wam akachukunyiswa, nanku umvuzo owenyusiweyo,” utshilo.
UMkhwanazi utyholwa ngokubandakaneka kwicandelo elikhohlakeleyo elibizwa ngeSWAT, lokungaziphathi kakuhle, ukukhohlisa amaxwebhu kwanokujongela phantsi abaphathi bakhe. UNciza uthe ingxelo ecebisa ukunyuswa kwemivuzo ayinikezi zizathu, akukho xanduva lutsha, uphononongo lwentsebenzo okanye utshintsho kwizakhiwo kwezi nyanga zingenelelayo.
“Into ebiyiyo ngenyanga yeKwindla yile kanye ibiyiyo nge yeKhala,” utshilo. “Kodwa ngequbuliso, bawongwa ngokunyuswa kwemirholo.”
Usekela-sihlalo wekomishoni u-Advocate Sesi Baloyi ubuze umthetho kunye nesivumelwano sokuhamba, esithi akukho mgaqo-nkqubo okanye igatya lekhontrakthi elixhasa oko kunyuswa ngexesha lovavanyo.
“Kukho inkqubo-sikhokelo yolawulo ebeka imida ephezulu yemivuzo yabaphathi bakamasipala, emiselwa nguMphathiswa woLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yezeMveli,” utshilo uNciza.
Wongeze ngelithi “Akukho lungiselelo lohlengahlengiso olungekho mthethweni olunje.”
Ubungqina bukaNciza buzoba umfanekiso wolawulo lukamasipala ekutyholwa ukuba lugoba imithetho ukukhusela owalo.
Oku kungqinwe nangabo babesakuba ngabaphathi beEMPD, inkosi uJabulani Mapiyeye kunye nobesakuba ngusekela wakhe uRevo Spies.

