UNkosazana Zuma-Mncube utyhola udadewabo uDuduzile ngokurhweba ngamadoda ase Mzantsi Afrika kungquzulwano lwaseRussia neUkraine

By Esona Magawana

UNkosazana Bonganini Zuma-Mncube, oyintombi yalowo wayesakuba nguMongameli uJacob Zuma, uvule ityala lolwaphulo-mthetho etyhola ukuba amadoda alishumi elinesixhenxe oMzantsi Afrika, kuquka amalungu osapho lwakhe asibhozo, athe arhwetshwa ngenjongo yokulwa imfazwe yaseUkraine.

Eli tyala, elivulwe kwisikhululo samapolisa eSandton ngomhla wamashumi amabini anesibini (22) kweyeNkanga 2025, likhankanya abantu abathathu, uNkosazana Duduzile Zuma Sambudla (udadewabo), uNksz Siphokazi Xuma, kunye noMnu Blessing Khoza. UZuma-Mncube ubatyhola ngokudlala “indima ephambili” kwinto ayichaza njengentlekele apho la madoda athi alukuhlwa eRashiya phantsi kweentetho zobuxoki aze anikelwa kwiqela lamajoni aseRashiya ukuze alwe imfazwe ngaphandle kolwazi okanye imvume yawo.

Ezi zityholo zikhomba ukophulwa komthetho woMzantsi Afrika. Kwingxelo yakhe, uZuma-Mncube uthi esi sithathu sophule umthetho wothintelo nokuthintela ukurhweba ngabantu, umthetho wokulawulwa koncedo lwamazwe angaphandle olawula ngokungqongqo, ukuthatha inxaxheba kwabemi kwimilo yamazwe angaphandle kunye nobuqhophololo kumthetho oqhelekileyo.

Esi sityhilelo siveza okothusayo kwimeko embi yabemi abalishumi elinesixhenxe (17) ekubikwa ukuba bafuna uncedo kurhulumente waseMzantsi Afrika ngelixa bevaleleke kwindawo yemfazwe.

UZuma-Mncube wenze izibongozo ezimbini, okokuqala, kurhulumente ukuba “akhawulezise zonke iinzame zezozakuzo” ukuze lamadoda abuye ngokukhawuleza nangokukhuselekileyo, okwesibini ubongoza uluntu loMzantsi Afrika ukuba lulumkele ukunikezelwa kwamathuba anomtsalane ngobuqhetseba kumazwe angaphandle, ingakumbi lawo abandakanya uhambo oluya kwiindawo zongquzulwano.

Inkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika iqinisekisile ukuba ilifumene elityala, kwaye kulindeleke ngoku ukuba uphando lwezozakuzo kunye nolwaphulo-mthetho luqale.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
20.1 ° C
20.1 °
20.1 °
92 %
1.9kmh
99 %
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA