UNobhala-Jikelele weANC uFikile Mbalula ugxeke inkokeli yombutho woMkhonto weSizwe uJacob Zuma ngesigqibo sakhe sokugxotha uFloyd Shivambu njengegosa eliphezulu.

By Buhle Nomgalasa.

UMbalula uye kwikhasi lonxibelelwano uX esithi: “UZuma uSleg. Benza uShivambu ukuba ayile umgaqo-siseko ukuze kusetyenziswe kwalomgaqo-siseko mnye ukumsusa.”

Noxa kunjalo, uShivambu waphendula kwizigxeko zikaMbalula, ebhekisa kwiziphumo zolonyulo olubi lweANC ngo2024, nto leyo eyakhokelela ekubeni lo mbutho wenze urhulumente wobumbano lwesizwe neminye imibutho.

“Njengokuba waye wasebenzisa ngokugqibeleleyo umgaqo-siseko ukuthoba ‘i-ANC’ ukuyokutsho ku-40%, wanishiya nicela intsebenziswano negcuntswana labamhlophe,” utshilo.

Nangona kukho ingxwabangxwaba, uShivambu uvakalise ukumhlonipha uZuma esithi: “Ndiyamhlonipha kwaye ndiya kuhlala ndimhlonipha umongameli Zuma.”

Emva kokususwa kwakhe, uye wathunyelwa ukuba ayokusebenza kwiNdlu yoWiso-mthetho njengelungu lePalamente, isigqibo aye wasamkela.

“Ndinombulelo ongazenzisiyo ngemisebenzi endiyinikiweyo kunye nokusasazwa ngokutsha. Siya kukhonza ngokugqwesa nangendlela yokuziphatha.”

UMbalula wayekhe wathi uShivambu akazukuhlala kwi-MK, eqikelela ukuba mhlawumbi angachaphazeleka “kuhlengahlengiso lwekhabhinethi”.

Wasigculela isigqibo sikaShivambu sokuyishiya i-EFF aye kwi-MK Party.

“Ndive uFloyd Shivambu esithi akazokuza kwiANC kuba andimfuni, andimazi uFloyd, ndimazi kuphela ngoJulius Malema.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
12.8 ° C
12.8 °
12.8 °
86 %
1.9kmh
0 %
Wed
31 °
Thu
31 °
Fri
33 °
Sat
22 °
Sun
24 °

EZITHANDWAYO INDABA