Lithuba leKaizer Chiefs lokuba izivuselele xa izakube iqubisene neTS Galaxy kumdlalo weDSTV Premiership namhanje ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe(19h30) kumabala iPeter Mokaba ePolokwana.
Ukhumbule ukuba iChiefs isazikhotha amanxeba emva komdlalo wayo neMamelodi Sundowns nalapho yabethwa ngempama yona yaphendula ngocikicane ukutsho oko ngamanqaku amahlanu kwelinye(5-1) bedlalela ekhaya.
IiRockets liqela elingeva ntambo kwiPSL kunjalo nje abayiyo idyalafesi inyama yedada, abasokolisi nje kodwa bayayenza into yabo. Enye into engayingxaki yaMakhosi ingangumdlali waphambili nowayesaku dlalela iChiefs nobekade ekwiThwihli Thwahla uNorkorvic, lo mdlali uyawafaka amanqaku kweliqela leeRockets.
Abafana baseNaturena babethwa yiTS Galaxy ngonyaka ka2019 kumagqibela kankqoyi wendebe iNedbank ngethuba iGalaxy ikwileague esezantsi kwiPSL.
Umdlalo weeRockets phambi kwalona iye yabambana ngeqanda macala(0-0) ngethube iqubisene neSekhukhune United. IiRockets zayibetha iChiefs kumjikelo wokuqala weleague, kananjalo iTS Galaxy ikwindawo yesihlanu(5) kuluhlu lwamaqela ePSL kunjalo nje iyishiya iChiefs ngamanqaku amahlanu(5).
Umqeqeshi weTS Galaxy uSead Ramovic uthi bazimisele kakhulu kunjalo nje banethemba lokuwuphumelela lomdlalo nangona esitsho ukuba kona akuzukuba lula. USead uthi bafuna nje amanqaku amathandathu(6) kulemidlalo mihlanu(5) ishiyekileyo ukuze bafike apho bebezibekele khona kunjalo nje baqinisekise ngokuba kuluhlu lamaqela asibhozo(8) okuqala kwiPSL.
IChiefs idlale imidlalo elithoba(9) neGalaxy yaphumelela umdlalo wamnye(1) kuphela yabethwa ziiRockets izihlandlo ezintathu(3) baze badlala ngokulingana amatyeri amahlanu(5) oko lathi lonyuselwa kooxholovane bePSL eli qela.
IKaizer Chiefs ihleli kwindawo yesibhozo(8) kuluhlu lamaqela ePSL, ibambene ngamanqaku angamashumi amathathu anesithathu(33) nePolokwana City ekwindawo yethoba(9).
By Siphiwo Boqwana

